U‐Hezekile 40

40
1NGOMNYAKA wamashumi mabini anesihlanu wokufuduswa kwetu, ekuqaleni kwomnyaka, ngoweshumi umhla wenyanga, ngomnyaka weshumi linesine emveni kwokuba isixeko sabetwa, ngokwa nguwo umhla lowo isandla sikayehova sibe sipezu kwam, waza wandizisa kona. 2Emibonisweni katixo wandizisa elizweni lakwa‐Sirayeli, wandibeka pantsi entabeni ende kakulu, ebekupezu kwayo njengesakiwo sesixeko ngasesuyide. 3Waza wandizisa kona; kekaloku nantsiya indoda, ekubonakala bekunjengokubonakala kwexina, inentsontelo yefelase esandleni sayo, nengcongolo yokulinganisa, eyema esangweni. 4Yaza yateta kum indoda leyo, isiti: Nyana woluntu! kangela ngamehlo ako, uve ngendlebe zako, ubeke intliziyo yako kuko konke endiya kukubonisa; ngokuba kungenxa yokuboniswa kwako uzisiwe apa: kuxele konke okubonayo kwindlu ka‐Sirayeli.
5Kekaloku nalu udonga ngapandle kwendlu ngokungqonga, nasesandleni salondoda ingcongolo yokulinganisa, izikubite zintandatu ngekubite nobubanzi besandla; yaza yalinganisa ububanzi besakiwo, ingcongolo inye, nobupakamo baso, ingcongolo inye.
6Yandula yeza esangweni elibonana nempumalanga, yenyuka ngezinyukelo zalo, yalinganisa umnyango wesango, ingcongolo inye ububanzi bawo, kwa umnyango umnye, ingcongolo inye ububanzi bawo; 7nendlwana, ingcongolo inye ubude bayo, nengcongolo inye ububanzi bayo; napakati kwazo indlwana, ikubite zintlanu; nomnyango wesango ngecala lentendelezo yesango ngapakati, incongolo inye. 8Yalinganisa nentendelezo yesango ngapakati, ingcongolo inye. 9Yandula yalinganisa intendelezo yesango, ikubite zisibozo; nezibonda zayo, ikubite zimbini; nentendelezo yesango ngapakati. 10Nendlwana zesango ngasempumalanga, bezintatu ngelinye icala, bezintatu nangelinye icala; bezinomlinganiswa mnye zontatu; kanjalo izibonda bezinomlinganiswa mnye ngelicala nangeliya. 11Yaza yalinganisa ububanzi bocango lwesango, ikubite zilishumi; ubude besango bebuzikubite zilishumi linesitatu. 12Kwaye kuko pambi kwazo indlwana umda wekubite inye ngelinye icala, nomda wekubite inye ngelinye icala; ezondlwana ngazinye zibe zizikubite zintandatu ngelicala, nekubite zintandatu ngeliya. 13Yandula yalinganisa isango kwa kuyo intungo yenye indlwana kwada kwakuyo intungo yenye; ububanzi bebuzikubite ezingamashumi mabini anantlanu, ucango lulunge nocango. 14Yayizenza izibonda, ikubite ezingamashumi matandatu, kwada kwakuso isibonda sebala elingqonga isango. 15Nangapambi kwesango lokungena, ngapambi kwentendelezo yesango lapakati, ikubite ezingamashumi mahlanu. 16Kwaye kuko ifenstile ezivaliweyo kuzo indlwana, nakuzo izibonda zazo pakati kwesango ngokungqonga; nakuzo intendelezo kanjalo; kwako nefenstile ngento engqongayo ngapakati, napezu kwezibonda imiti yepalime.
17Yaza yandizisa ebaleni langapandle; kekaloku nanzi inkambili, nesandlalwa samatye senzelwe ibala ngento engqongayo; bekuko inkambili ezingamashumi matatu pezu kwesandlalwa eso. 18Kekaloku isandlalwa samatye besingecala lamasango, silunge nobude bamasango; sisesasezantsi isandlalwa samatye esi. 19Yandula yalinganisa ububanzi kwa kuwo umpambili wesango lasezantsi, pambi kwebala lapakati ngapandle, ikulu lekubite, ngasempumalanga nangasenode.
20Nesango lebala lapandle, elibonana nenode, yalinganisa ubude balo nobubanzi balo. 21Nendlwana zalo, bezintatu ngelinye icala, bezintatu nangelinye icala; izibonda zalo nentendelezo zalo zibe zinjengomlinganiswa wesango lokuqala; zikubite ezingamashumi mahlanu ubude balo, nobubanzi zikubite ezingamashumi mabini anantlanu. 22Ifenstile zalo, nentendelezo zalo, nemiti yepalime yalo, bezinjengomlinganiswa wesango elibonana nempumalanga; kwenyukelwa kulo ngezinyukelo zisixe̔nxe, intendelezo zalo zipambi kwazo. 23Isango lelapakati ibala libe lilunge nesango ngasenode, nangasempumalanga; yaza yalinganisa kwa kulo elinye isango kwada kwakulo elinye isango ikulu lekubite.
24Yandula yandihambisa ngasesuyide; kekaloku nali isango ngasesuyide; yaza yalinganisa izibonda zalo nentendelezo zalo, njengemilinganiswa leyo. 25Kwaye kuko ifenstile kulo nakuzo intendelezo zalo ngokungqonga, njengefenstile ezo: ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu. 26Ukunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisixe̔nxe, nentendelezo zalo bezipambi kwazo; laye linemiti yepalime, omnye ngelicala nomnye ngeliya icala, pezu kwezibonda zalo. 27Bekuko nesango kwelapakati ibala ngasesuyide; yaza yalinganisa kwa kulo elinye isango kwada kwakulo elinye isango ikulu lekubite.
28Yandula yandizisa ebaleni lapakati ngesango lasesuyide; yaza yalinganisa isango lasesuyide, njengemilinganiswa leyo. 29Indlwana zalo, nezibonda zalo, nentendelezo zalo, zibe zinjengemilinganiswa leyo; kwaye kuko ifenstile kulo nakuzo intendelezo zalo ngokungqonga: ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu. 30Kwaye kuko intendelezo ngento engqongayo; ubude bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu, nobubanzi bebuzikubite zintlanu. 31Intendelezo zalo bezingakulo ibala langapandle; kanjalo imiti yepalime ibipezu kwezibonda zalo; nokunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisibozo.
32Yandula yandizisa ebaleni lapakati ngasempumalanga; yaza yalinganisa isango njengemilinganiswa leyo. 33Indlwana zalo, nezibonda zalo, nentendelezo zalo, zibe zinjengemilinganiswa leyo; kwaye kuko ifenstile kulo nakuzo intendelezo zalo ngokungqonga: ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu. 34Intendelezo zalo bezingakulo ibala langapandle; kanjalo imiti yepalime ibipezu kwezibonda zalo, ngelicala nangeliya; nokunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisibozo.
35Yandula yandizisa esangweni lasenode, yalinganisa njengemilinganiswa leyo. 36Indlwana zalo, izibonda zalo, nentendelezo zalo, nefenstile ezikulo ngokungqonga; ubude bebuzikubite ezingamashumi mahlanu, nobubanzi bebuzikubite ezimashumi mabini anantlanu. 37Izibonda zalo bezingakulo ibala langapandle: kanjalo imiti yepalime ibipezu kwezibonda zalo, ngelicala nangeliya; nokunyukelwa kwalo bekungezinyukelo zisibozo.
38Kwaye kuko inkambili nengcango zazo ngakuzo izibonda zamasango; kona apo bekuhlanzwa idini lokutshiswa. 39Nasentendelezweni yesango bekuko itafile zimbini ngelicala, netafile zimbini ngeliya icala, kuze kuxe̔lwe pezu kwazo idini lokutshiswa, nedini lesono, nedini letyala. 40Nasecaleni langapandle, ekunyukeni ukuya elucangweni lwesango lasenode, bekuko itafile zimbini; nakwelinye icala, ebelisentendelezweni yesango, bekuko itafile zimbini. 41Bekuko itafile zine ngelicala, netafile zine ngeliya, ngasecaleni lesango; itafile zisibozo ebekuxe̔lwa pezu kwazo. 42Netafile zone zedini lokutshiswa bezizezamatye aqandulweyo, ubude buyikubite inye nesiqingata sekubite, nobubanzi buyikubite inye nesiqingata sekubite, nobupakamo buyikubite inye: napezu kwazo kwaye kubekwa impahla ebekuxe̔lwa ngazo idini lokutshiswa nombingo. 43Kanjalo amabaxa, epuma ububanzi besandla, ebeqinisiwe ngapakati ngento engqongayo; napezu kwetafile bekuko inyama yomnikelo.
44Nangapandle kwesango lapakati bekuko inkambili zabaculi ebaleni lapakati, elibe lingasecaleni lesango lasenode; zabonana nesuyide; kwako enye ngasecaleni lesango lasempumalanga, ibonana nenode. 45Yaza yateta kum, isiti: Lenkambili, ebonana nesuyide, yeyabaperisite, abagcini besigcinelo sendlu. 46Nenkambili ebonana nenode yeyabaperisite, abagcini besigcinelo sesibingelo; aba bangonyana baka‐Tsadoki, abati kulo usapo luka‐Levi basondele kuyehova ukuza kumkonza.
47Yaza yalinganisa ibala; ubude bebuzikubite zilikulu, nobubanzi bebuzikubite zilikulu, linamacala mane; saye isibingelo sipambi kwendlu.
48Yandula yandizisa entendelezweni yendlu, yalinganisa izibonda zentendelezo, ikubite zintlanu ngelinye icala, nekubite zintlanu ngelinye icala; nobubanzi besango, bebuzikubite zintatu ngelicala, nekubite zintatu ngeliya. 49Ubude bentendelezo bebuzikubite ezimashumi mabini, nobubanzi bebuzikubite ezilishumi linanye; kwaye kungezinyukelo ekube kunyukelwa kuyo; bekuko nentsika ngasezibondeni, enye ngelicala, nenye ngeliya.

Currently Selected:

U‐Hezekile 40: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena