U‐Hezekile 41

41
1Yandula yandizisa etempileni, yazilinganisa izibonda, ikubite ezintandatu zibububanzi ngelinye icala, nekubite ezintandatu zibububanzi ngelinye icala, ububanzi betabanakele. 2Ububanzi bocango bebuzikubite zilishumi; namacala ocango, ebezikubite zintlanu ngelicala, nekubite zintlanu ngeliya: yayilinganisa ubude bayo, ikubite ezingamashumi mane, nobubanzi, ikubite ezimashumi mabini.
3Yaza yangena ngapakati, yalinganisa isibonda socango, ikubite zimbini; nocango, ikubite zintandatu; nobubanzi bocango, ikubite zisixe̔nxe. 4Yalinganisa ubude bayo, ikubite ezimashumi mabini, nobubanzi, ikubite ezimashumi mabini, ngapambi kwetempile; yaza yati kum: Le yingcwele yezingcwele.
5Yandula yalinganisa udonga lwendlu, ikubite zintandatu; nobubanzi benkambili zasecaleni ngazinye, ikubite zine, ngento engqongayo indlu ngamacala onke. 6Ezonkambili zasecaleni zibe ziyinkambili pezu kwenkambili, zintatu; zazingamashumi matatu ngokulandelana; zaye zingena eludongeni olube lulolwendlu ngenxa yenkambili zasecaleni ngokungqonga, ukuba zibe nokubambeka; koko bezingabambeki eludongeni lwendlu. 7Kwaye kuko ukwenziwa banzi nokujikelela futi ngapezulu kuzo inkambili zasecaleni; ngokuba ukujikelela kwendlu bekufuti ngapezulu ngokungqonga indlu; ngako oko ububanzi bendlu ubungapezulu; nangokunjalo eyasezantsi yenyuka ngakweyapezulu ngeyapakati. 8Ndaza ndabona ubupakamo bendlu ngokungqonga: imisekelo yenkambili zasecaleni ibiyingcongolo ezeleyo, ikubite zintandatu ezinkulu.
9Ububanzi bodonga, olulolwenkambili yasecaleni ngapandle, bebuzikubite zintlanu; kwako indawo eyekiweyo ebiyindawo yenkambili zasecaleni ezizezendlu. 10Napakati kwazo inkambili bekuko ububanzi bekubite ezimashumi mabini, ngento engqongayo indlu ngamacala onke. 11Zaye ingcango zenkambili zasecaleni zingakuyo indawo eyekiweyo, olunye ucango lungasenode, nolunye ucango lungasesuyide; nobubanzi bayo indawo eyekiweyo bebuzikubite zintlanu ngokungqonga.
12Nesakiwo esibe sipambi kwayo indawo eyahlukileyo ngecala lasentshonalanga, ububanzi baso bebuzikubite ezingamashumi asixe̔nxe; nodonga lwesakiwo bebuzikubite zintlanu ububanzi balo ngento engqongayo, nobude balo bebuzikubite ezingamashumi alitoba. 13Yaza yalinganisa indlu, ubude bulikulu lekubite; nendawo eyahlukileyo, nesakiwo, nendonga zaso, ubude bulikulu lekubite; 14nobubanzi bompambili wendlu, nobendawo eyahlukileyo ngasempumalanga, ikulu lekubite.
15Yaza yalinganisa ubude besakiwo ngapambi kwendawo eyahlukileyo ebingasemva kwaso, nendawo ezipumayo zaso ngelicala nangeliya, ikulu lekubite; yalinganisa netempile yapakati, nentendelezo zebala, 16iminyango, nefenstile ezivaliweyo, nendawo ezipumayo ngokungqonga inkambili ntatu zazo, malungana nomnyango, isalekwa semiti ngento engqongayo; nakuwo umhlaba kwada kwakuzo ifenstile; zaye ifenstile zigujungelwe; 17pezulu pezu kwomnyango, kude kwasendlwini pakati, nangapandle, nakulo lwonke udonga ngento engqongayo, pakati nangapandle, kwatatyatwa imilinganiswa.
18Kwaye kwenziwe ikerubime nemiti yepalime; bekuko umti wepalime pakati kwekerubime nekerubime; kanjalo ikerubime zibe zinobuso bubini ngazinye: 19ubuso bomntu bebungakuwo umti wepalime ngelinye icala, nobuso bengonyama ngakuwo umti wepalime ngelinye icala; kwenziwa njalo kuyo yonke indlu ngokungqonga. 20Kwa kuwo umhlaba kwada kwapezulu kwocango kwenziwa ikerubime nemiti yepalime, napezu kwalo udonga lwetempile. 21Imigubasi yetempile ibinamacala mane; nobuso beyingcwele indawo, okunye ukubonakala bekunjengokunye ukubonakala.
22Isibingelo semiti ubupakamo baso bebuzikubite zintatu, nobude baso bebuzikubite zimbini; amagumbi aso, nobude baso, nendonga zaso, zenziwa ngemiti: yaza yateta kum, isiti: Le yitafile esebusweni bukayehova.
23Kwaye kuko ingcango zimbini kuyo itempile nakweyingcwele indawo. 24Bekuko kanjalo amapepa mabini kuzo ingcango, amapepa mabini ajingayo; amapepa mabini kolunye ucango, namapepa mabini kolunye. 25Kwenziwa pezu kwazo, pezu kwengcango zetempile, ikerubime nemiti yepalime, njengokuba bekwenziwe ezindongeni; kwaye kuko indawo yeplanke zemiti ngapambi kwentendelezo ngapandle. 26Bekuko kanjalo ifenstile ezivaliweyo nemiti yepalime ngelicala nangeliya, kuwo amacala entendelezo, nenkambili zasecaleni zendlu, nendawo yeplanke.

Currently Selected:

U‐Hezekile 41: XHO1902A

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena