NDIYANIKUNGA ngoko, mna endingumbanjwa ENKOSINI, ukuba nihambe ngokufanele olobizwa nabizwayo ngalo, ninako konke ukutobeka kwentliziyo nokululama, ninokuzeka kade, ninyamezelana elutandweni, ninxamela ukugcina ubunye BOMOYA embanjweni woxolo. Kuko umzimba umnye, NOMOYA emnye, njengokuba kanjalo nibe nibiziwe etembeni linye lobizwa lwenu; INKOSI inye, ukolo lunye, ubapitizesho lunye; UTIXO noyise wabo bonke emnye, opezu kwabo bonke, nangabo bonke, nakuni nonke.
Kodwa kuti tina sonke abanye ngabanye kwanikwa ufefe esinalo ngesilinganiselo sesipo sika‐Kristu. Ngako oko uti: Akunyukela enyangweni, watimba amatinjwa, wanika izipiwo ebantwini. ( Kekaloku lento yokuti wenyuka, yinto nina ke kupela ukuba wati kanjalo matanci wehlela ezindaweni zapantsi zomhlaba? owehlayo, nguyena kanjalo owenyukela pezulu pezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise izinto zonke.) Waza yena ngokwake wanika abanye babe ngabapostile, nabanye babe ngabaprofite, nabanye babe ngabavangeli, nabanye babe ngabalusi nabafundisi; kuze kuzalisekiswe abangcwele, ngenxa yomsebenzi wobukonzi, ngenxa yokwakiwa kwomzimba ka‐Kristu; side siti tina sonke sifikelele kubunye bokolo nobokwaziwa kwonyana KATIXO, kwindoda ekulileyo, kumlinganiso wobude bobuzala buka‐Kristu: ukuze singabi sengabantwana, sijingajingiswa siqu̔tywaqu̔tywa yiyo yonke imimoya yemfundiso, ekunyangeni kwabantu, ebuqokolweni obuyelela ubuqinga bolahlekiso; kodwa siti, sibamba inyaniso elutandweni nje, sikulele kwa kuye ezintweni zonke, oyintloko, u‐Kristu: okuye uti umzimba wonke, ulinganiswa uhlanganiselwa kunye ubandakanywa nokubandakanywa ngawo onke amalungu kunikwa ukwonga ngawo, ngokwokusebenza okulingana nendawo zonke ezinye ngezinye, wenze ukukula kwawo umzimba uze uzake elutandweni.