KWABASE-EFESE 4:1-16

KWABASE-EFESE 4:1-16 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokulufaneleyo ubizo enabizwa ngalo, nínako konke ukuthobeka kwentliziyo nobulali, ninokuzeka kade umsindo, ninyamezelana, nisenziwa luthando, níkhuthalele ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwáyo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke. Ke elowo kuthi wababalwa ngokomlinganiso wokupha kukaKristu. Kungoko athi, Enyuké waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu. (INdum. 68:18) Oko ke kùthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba? Owehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto. Waza kwayena wabapha abanye ukuba babe ngabapostile,• abanye babe ngabaprofeti, abanye babe ngabashumayeli beendaba ezilungileyo, abanye babe ngabalúsi nabafundisi, ukuze abangcwele basulungekiselwe umsebenzi wolungiselelo, ukwakhiwa ke komzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye benkolo, nobokumazi okuzeleyo uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu; ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokunyanga kwabantu, ngobuqhetseba obusemaqhingeni olahlekiso; síthi ke, sinyanisekile eluthandweni, sikhulele, ngeendawo zonke, kuye lo uyintloko, uKristu; ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukuxhomekelelana kwamalungu okuluncedo, okusebenza ngomlinganiso weendawo zonke ngazinye, ukhulise umzimba, use ekuzakheni ngothando.

KWABASE-EFESE 4:1-16 IBHAYIBHILE (XHO96)

Ngoko ke mna endingumbanjwa ngenxa yokuba ndisisicaka seNkosi, ndiyanibongoza: ziphatheni ngohlobo olungawuthobiyo umgangatho wendima enamiselwa yona nguThixo mhla wanibiza; nihlale nithobekile ngawo onke amaxesha, ninobulali nomonde, ninyamezelana ngothando. Zamelani ukuhlala ngoxolo niyilaa mbumba yamanyama wanenza nayiyo uMoya oyiNgcwele. Mnye umzimba kaloku, ukwamnye uMoya, kwanjengokuba lilinye nethemba enabizelwa kulo nguThixo. INkosi inye, nokholo lunye, nobhaptizo lukwalunye. Kanti ukwamnye noThixo onguYise woluntu luphela, olawula izinto zonke, esebenza ngezinto zonke, ekwakho kwiinto zonke. Umntu ngamnye wabelwe isiphiwo esisodwa ngangobubele bukaKrestu. Yiyo ke le nto *iziBhalo zithi: “Unyukele ezulwini eqhuba abathinjwa, waza wabela abantu izipho.” Kuthetha ukuthini ke ukuthi unyukile? Kuthetha ukuthi wehla kuqala waya emathunjini omhlaba. Lowo ke wehlayo usekwangulo kanye wenyukela ngaphaya kwamazulu, khon' ukuze izinto zonke azizalise ngobukho bakhe. Nguye ke lo wababelayo izipho ezizezi abantu: Wabamisela *bangabathunywa abanye, abanye *bangabashumayeli, bangabavakalisi beendaba ezimnandi abanye, abanye bangabelusi nabefundisi. Wabanika ezi zipho zokulungiselela lonke usapho lukaThixo emsebenzini walo, ukuze kwakheke ibandla elingumzimba kaKrestu. Ekugqibeleni ke sonke siya kuba yiloo mbumba yamanyama iqulethwe lukholo lwethu, kwakunye nokwazi kwethu uNyana kaThixo; sibe ngabantu abakhule bagqibelela, silingane noKrestu ogqibeleleyo. Ngoku ke asisengobantwana abafane bakhukuliseke ngamaza, baphephetheke nayiyiphi na imimoya yeemfundiso zabakhohlisi abalahlekisa abantu ngobuqhetseba. Ndaweni yaloo nto inyaniso masiyithethe siqhutywa luthando, khon' ukuze siye simfuza uYesu ngokupheleleyo. Kaloku nguye intloko. Umzimba wonke uxhomekeke kuye; ilungu ngalinye limanywe namanye kuye. Ngoko ke le mbumba yamanyama ikhuliswa ngumsebenzi welungu ngalinye, izakhe ngothando.

KWABASE-EFESE 4:1-16 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokuwufaneleyo ubizo enabizwa ngalo; Ninako konke ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana ngothando. Zabalazelani ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, Mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke. Kodwa elowo kuthi ubabalwa ngokomlinganiselo wesisa sikaKrestu. Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu. Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba? Lowo wehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto. Wabapha abanye ukuba babe ngabapostile; abanye ke bangabaprofeti; inxenye yaba ngabashumayeli; inxenye ke yaba ngabalusi nabafundisi; ukuze abangcwele bagqibelele, kuse umsebenzi wolungiselelo, ukuze uwakhe umzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye bokholo, nobokumazi okumazi kakuhle uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu; ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokukhohlisa kwabantu, ngobuqhetseba bobuqhinga; Ke sithetha inyaniso ngothando, sikhule ngeendawo zonke kuye, lo uyintloko, uKristu; ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukwabanayo ukwasebenza ilungu ngalinye, ukhulisa umzimba ekuzakhenise eluthandweni.

KWABASE-EFESE 4:1-16 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

NDIYANIKUNGA ngoko, mna endingumbanjwa ENKOSINI, ukuba nihambe ngokufanele olobizwa nabizwayo ngalo, ninako konke ukutobeka kwentliziyo nokululama, ninokuzeka kade, ninyamezelana elutandweni, ninxamela ukugcina ubunye BOMOYA embanjweni woxolo. Kuko umzimba umnye, NOMOYA emnye, njengokuba kanjalo nibe nibiziwe etembeni linye lobizwa lwenu; INKOSI inye, ukolo lunye, ubapitizesho lunye; UTIXO noyise wabo bonke emnye, opezu kwabo bonke, nangabo bonke, nakuni nonke. Kodwa kuti tina sonke abanye ngabanye kwanikwa ufefe esinalo ngesilinganiselo sesipo sika‐Kristu. Ngako oko uti: Akunyukela enyangweni, watimba amatinjwa, wanika izipiwo ebantwini. ( Kekaloku lento yokuti wenyuka, yinto nina ke kupela ukuba wati kanjalo matanci wehlela ezindaweni zapantsi zomhlaba? owehlayo, nguyena kanjalo owenyukela pezulu pezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise izinto zonke.) Waza yena ngokwake wanika abanye babe ngabapostile, nabanye babe ngabaprofite, nabanye babe ngabavangeli, nabanye babe ngabalusi nabafundisi; kuze kuzalisekiswe abangcwele, ngenxa yomsebenzi wobukonzi, ngenxa yokwakiwa kwomzimba ka‐Kristu; side siti tina sonke sifikelele kubunye bokolo nobokwaziwa kwonyana KATIXO, kwindoda ekulileyo, kumlinganiso wobude bobuzala buka‐Kristu: ukuze singabi sengabantwana, sijingajingiswa siqu̔tywaqu̔tywa yiyo yonke imimoya yemfundiso, ekunyangeni kwabantu, ebuqokolweni obuyelela ubuqinga bolahlekiso; kodwa siti, sibamba inyaniso elutandweni nje, sikulele kwa kuye ezintweni zonke, oyintloko, u‐Kristu: okuye uti umzimba wonke, ulinganiswa uhlanganiselwa kunye ubandakanywa nokubandakanywa ngawo onke amalungu kunikwa ukwonga ngawo, ngokwokusebenza okulingana nendawo zonke ezinye ngezinye, wenze ukukula kwawo umzimba uze uzake elutandweni.

KWABASE-EFESE 4:1-16

KWABASE-EFESE 4:1-16 XHO75KWABASE-EFESE 4:1-16 XHO75KWABASE-EFESE 4:1-16 XHO75