Kwabase-Efese 4:1-16

Kwabase-Efese 4:1-16 CXB24

Ndiyanivuselela ngoko, mna mbanjwa waseNkosini, ukuba nihambe ngokuwufaneleyo ubizo enabizwa ngalo; Ninako konke ukuthobeka kwentliziyo, ubulali, ukuzeka kade umsindo, ninyamezelana ngothando. Zabalazelani ukubugcina ubunye boMoya ngentambo yoxolo. Mnye umzimba, mnye noMoya, njengokuba nabizwayo nokubizwa, naba nathemba linye lobizo lwenu. Inye iNkosi, lunye ukholo, lunye ubhaptizo, Mnye uThixo, uYise wabo bonke, ophezu kwabo bonke, okubo bonke, ophakathi kwenu nonke. Kodwa elowo kuthi ubabalwa ngokomlinganiselo wesisa sikaKrestu. Kungoko athi, Enyuke waya enyangweni, wathimba intimbo, Wabapha izipho abantu. Oko ke kuthi, wenyuka, kuyintoni na, kungekwakukuthi, wehla nokuhla kuqala, waya kwezona zisezantsi iindawo zomhlaba? Lowo wehlayo ikwangulowo wenyukayo, waya ngaphezu kwawo onke amazulu, ukuze azalise zonke izinto. Wabapha abanye ukuba babe ngabapostile; abanye ke bangabaprofeti; inxenye yaba ngabashumayeli; inxenye ke yaba ngabalusi nabafundisi; ukuze abangcwele bagqibelele, kuse umsebenzi wolungiselelo, ukuze uwakhe umzimba kaKristu; side thina sonke sifike kubo ubunye bokholo, nobokumazi okumazi kakuhle uNyana kaThixo, ebudodeni obupheleleyo, emlinganisweni wobukhulu bokuzala kukaKristu; ukuze singabi saba ziintsana, silatyuzwa, siphetshethwa ngumoya wonke wemfundiso, ngokukhohlisa kwabantu, ngobuqhetseba bobuqhinga; Ke sithetha inyaniso ngothando, sikhule ngeendawo zonke kuye, lo uyintloko, uKristu; ekuphuma kuye ukuthi, umzimba wonke uhlangane kakuhle, ubandakanywe ngako konke ukwabanayo ukwasebenza ilungu ngalinye, ukhulisa umzimba ekuzakhenise eluthandweni.

I-YouVersion isebenzisa ii cookies ukwenza amava akho abe ngawe. Ngokusebenzisa i-website yethu, uyakwamkela ukusebenzisa kwethu ii cookies njengoko kuchaziwe kuMgaqo-nkqubo wethu