ongumfanekiso WOTIXO ongabonekiyo, umzalwatanci kuzo zonke izidalwa: ngokuba kuye kwadalwa zonke izinto, ezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, ezo zibonekayo nezo zingabonekiyo, nokuba zezineterone, nokuba zezinobukosi, nokuba zezinobupati, nokuba zezinegunya, — zonke izinto zidaliwe ngaye, nangenxa yake: kanjalo yena upambili kuzo zonke izinto, nakuye’zonke izinto zimana zimi. Kanjako nguye oyintloko yomzimba, yeṙemente; osiso isiqalo, umzalwatanci kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkulu ezintweni zonke: ngokuba ebetanda u‐Yise ukuba bonke ubuzala buhlale kuye; nokuba ati ngaye zonke izinto azixolisane naye yena, elwenzile uxolo nje ngalo igazi lekuruse yake, — kwa ngaye ke, nokuba zezo zisemhlabeni, nokuba zezo zisezulwini.
Nani nina, nakuba nibe nifudula ningabasemzini nabazintshaba eluveni lwenu kuyo imisebenzi ekohlakeleyo, noko kaloku unixolisene naye emzimbeni wenyama yake ngako ukufa kwake, ukuze animise nibangcwele, nibamsulwa, ningenakunikwa ityala, ebusweni bake: ukuba kambe nimana ukuma elukolweni, nisekelwe, niqinile nokuqina, ningashenxiswa nje kanjalo etembeni levangeli, leyo nayivayo, eyashunyayelwa kuko konke ukudalwa okungapantsi kwezulu; endaba ngumkonzi wayo mna Paulusi.
Enditi kaloku ndivuye ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndizalisekise izinto eziswelekileyo zembandezelwa zika‐Kristu enyameni yam ngenxa yomzimba wake, oyiyo iṙemente: endaba ngumkonzi wayo mna ngokwolwabo LUKATIXO olwanikwa kum ngakuni, ukuba ndikolise ukushumayela ilizwi LIKATIXO, — imfihlakalo ebifihlelwe amaxesha akudala nezizukulwana, kodwa kaloku ibonakalisiwe kubangcwele bake: abete UTIXO watanda ukubazisa into buyiyo ubutyebi bobungcwalisa bemfihlakalo le pakati kwabaheyideni; engu‐Kristu pakati kwenu, itemba lobungcwalisa: esiti tina simshumayele, siluleka bonke abantu, sifundisa nokufundisa abantu bonke ngobulumko bonke; ukuze simise bonke abantu befezekile ku‐Kristu Yesu; endizamela kona kanjalo, ndikandanisa ngokwokusebenza kwake, okusebenzayo kum ngamandla.