Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KWABASEKOLOSE 1:15-29

KWABASEKOLOSE 1:15-29 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)

Úngumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye. Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo ukuvuka kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkhulu ezintweni zonke. Ngokuba kwakholeka ukuthi ukuzaliseka konke kuhlale kuye, nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo wakhe; ewe, ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini. Nani, enibe nifudula ningazani noThixo, niziintshaba ngengqondo yenu emisebenzini yenu engendawo, kukalokunje unixolelanisile ngako ukufa emzimbeni wenyama yakhe, ukuze animise ningcwele, ningenakubekwa bala, ningenakumangalelwa phambi kwakhe; ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos. Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa kanye okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, enyameni yam, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; endaba ngumlungiseleli walo mna ngokokugosisa kukaThixo, awandigosisa ngako kuni, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo, kwaimfihlelo, leyo ke ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni; kukalokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe, awathandayo uThixo ukubazísa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga, obunguKristu phakathi kwenu, ithemba lozuko. Sazísa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko, ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.

KWABASEKOLOSE 1:15-29 IBHAYIBHILE (XHO96)

UKrestu yimbonakalo kaThixo ongabanokaliyo; ingqalo nentloko yayo yonke indalo. Iinto zonke zadalwa ngaye, ezulwini nasemhlabeni, ezibonakalayo nezingabonakaliyo. Zonke zivela kuye: ooziphathamandla namatshawe, oozilawuli noomagunya. UThixo walidala ngaye elidalela yena ihlabathi liphela. Iinto zonke zingekabikho, yena wayekho kade. Nto zonke ziyondelelana zilungelelane kuye. Intloko yomzimba olibandla lakhe ikwanguye. Nguye ulibo, owokuqala ukuvuswa ekufeni, khon' ukuze yena abe sisiqalo ezintweni zonke. UThixo uthandile ukuba aphuphume ubuThixo. Yena ngulowo uThixo azixolelanise ngaye nehlabathi liphela; ewe, ngokuphalala kwegazi lakhe emnqamlezweni wazixolelanisa naye zonke izinto ezisezulwini nezisemhlabeni. Benifudula ninxaxhile, kungekho buhlobo phakathi kwenu noThixo, ngenxa yemikhwa emibi enaniyenza, niyicinga nokuyicinga. Kodwa ngoku uThixo udale ubuhlobo phakathi kwakhe nani ngokuphalala kwegazi likaKrestu, ukuze anisondeze ningabantu abanyuliweyo, ningenasiphako, nimsulwa phambi kwakhe. Nani ke yithini ngcembe elukholweni, nimi ngxishi phezu kwesiseko senu, ningagungqiswa nto kwithemba eninalo ngenxa yeendaba ezimnandi. Zezi ndaba kanye ke uThixo andithume ukuba ndizivakalise, ezi zishunyayezwa uwonke-wonke phantsi kwelanga. Kuyandonwabisa ukuhlupheka kwam ngenxa yenu. Kuba ngale ndlela ndithatha inxaxheba ngalo mzimba wam ubuthathaka ngokuzibandakanya neentlungu ezisilindeleyo zikaKrestu, ngenxa yomzimba wakhe, ibandla lakhe ke ukutsho. Ndenziwe umlungiseleli webandla nguThixo ondinike olu xanduva ukuba ndiluthwale ngenxa yenu. Luxanduva lodaba lwakhe ekufuneke ndiluvakalise ngokupheleleyo. Ndivakalisa loo mfihlelo yafihlwa mandulo kwizizukulwana ngezizukulwana. Kodwa ke ngoku ityhilwe kubantu bakaThixo. Yinjongo yakhe uThixo ukuyazisa kubantu bakhe le mfihlelo ixabiseke kunene, iqaqambileyo, ayilungiselele uluntu luphela. Yiyo le ke loo mfihlelo: uKrestu ungaphakathi kuni, ulithemba lewonga eniya kulifumana kuThixo. Ngoko ke sishumayela uKrestu eluntwini. Silumkisa sifundise wonke ubani ngamava esinawo, khon' ukuze sibanikele kuThixo bonke ngabanye befezekile ngokumanywa noKrestu. Ndibila ndisoma ukufeza olu xanduva, ndisebenza ngamandla endiwaphiwa nguKrestu ongaphakathi kum.

KWABASEKOLOSE 1:15-29 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)

Ungumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye. Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo kubo abafileyo; ukuze ezintweni zonke abe ngovelela. Kuba kwakholeka kuye uYise ukuba kuhlale kuye konke ukuzaliseka; nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo; ndithi ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini. Nani, enibe nifudula ningazani, niziintshaba ngengqondo yenu ngokwasemisebenzini engendawo, kungoku unixolelanisile; ngomzimba wenyama yakhe ngokufa ukuze animise phambi kwakhe ningcwele, ningenakusoleka, ningenakusoleka; Ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos; Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa enyameni yam okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; endithe ndaba ngumlungiseleli wawo ngokokugosisa kukaThixo, awandinikela ngako ngenxa yenu, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo; Kwanaloo mfihlelo, ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni, nakungokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe; awathandayo uThixo ukubazisa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga; nguKristu ke ongaphakathi kwenu, ithemba lozuko; Sazisa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko; ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.

KWABASEKOLOSE 1:15-29 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)

ongumfanekiso WOTIXO ongabonekiyo, umzalwatanci kuzo zonke izidalwa: ngokuba kuye kwadalwa zonke izinto, ezo zisezulwini nezo zisemhlabeni, ezo zibonekayo nezo zingabonekiyo, nokuba zezineterone, nokuba zezinobukosi, nokuba zezinobupati, nokuba zezinegunya, — zonke izinto zidaliwe ngaye, nangenxa yake: kanjalo yena upambili kuzo zonke izinto, nakuye’zonke izinto zimana zimi. Kanjako nguye oyintloko yomzimba, yeṙemente; osiso isiqalo, umzalwatanci kwabafileyo, ukuze yena abe ngomkulu ezintweni zonke: ngokuba ebetanda u‐Yise ukuba bonke ubuzala buhlale kuye; nokuba ati ngaye zonke izinto azixolisane naye yena, elwenzile uxolo nje ngalo igazi lekuruse yake, — kwa ngaye ke, nokuba zezo zisemhlabeni, nokuba zezo zisezulwini. Nani nina, nakuba nibe nifudula ningabasemzini nabazintshaba eluveni lwenu kuyo imisebenzi ekohlakeleyo, noko kaloku unixolisene naye emzimbeni wenyama yake ngako ukufa kwake, ukuze animise nibangcwele, nibamsulwa, ningenakunikwa ityala, ebusweni bake: ukuba kambe nimana ukuma elukolweni, nisekelwe, niqinile nokuqina, ningashenxiswa nje kanjalo etembeni levangeli, leyo nayivayo, eyashunyayelwa kuko konke ukudalwa okungapantsi kwezulu; endaba ngumkonzi wayo mna Paulusi. Enditi kaloku ndivuye ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndizalisekise izinto eziswelekileyo zembandezelwa zika‐Kristu enyameni yam ngenxa yomzimba wake, oyiyo iṙemente: endaba ngumkonzi wayo mna ngokwolwabo LUKATIXO olwanikwa kum ngakuni, ukuba ndikolise ukushumayela ilizwi LIKATIXO, — imfihlakalo ebifihlelwe amaxesha akudala nezizukulwana, kodwa kaloku ibonakalisiwe kubangcwele bake: abete UTIXO watanda ukubazisa into buyiyo ubutyebi bobungcwalisa bemfihlakalo le pakati kwabaheyideni; engu‐Kristu pakati kwenu, itemba lobungcwalisa: esiti tina simshumayele, siluleka bonke abantu, sifundisa nokufundisa abantu bonke ngobulumko bonke; ukuze simise bonke abantu befezekile ku‐Kristu Yesu; endizamela kona kanjalo, ndikandanisa ngokwokusebenza kwake, okusebenzayo kum ngamandla.

KWABASEKOLOSE 1:15-29

KWABASEKOLOSE 1:15-29 XHO75KWABASEKOLOSE 1:15-29 XHO75