Ungumfanekiselo kaThixo ongenakubonwa, owamazibulo kwindalo yonke. Ngokuba zadalelwa kuye zonke izinto, ezisemazulwini nezisemhlabeni, ezinokubonwa nezingenakubonwa, nokuba ziitrone, nokuba zibubukhosi, nokuba zizilawuli, nokuba ngamagunya; zonke izinto zidalwe nguye, zidalelwe yena. Yena ke ungaphambi kweento zonke, nazo zonke izinto zima zimi kuye. Yena ke uyintloko yomzimba, yebandla; oyingqalo, owamazibulo kubo abafileyo; ukuze ezintweni zonke abe ngovelela. Kuba kwakholeka kuye uYise ukuba kuhlale kuye konke ukuzaliseka; nokuthi ngaye azixolelanise naye zonke izinto, elwenzile uxolo ngalo igazi lomnqamlezo; ndithi ngaye, nokuba zizinto ezisemhlabeni, nokuba zezisemazulwini. Nani, enibe nifudula ningazani, niziintshaba ngengqondo yenu ngokwasemisebenzini engendawo, kungoku unixolelanisile; ngomzimba wenyama yakhe ngokufa ukuze animise phambi kwakhe ningcwele, ningenakusoleka, ningenakusoleka; Ukuba kaloku nihlala nihleli elukholweni, nisekelwe niqinile, ningashukunyiswa nimke ethembeni leendaba ezilungileyo ezi nazivayo, zona zashunyayelwayo kwindalo yonke ephantsi kwezulu; endaba ngumlungiseleli wazo, mna Pawulos; Ngoku ndiyavuya ezintlungwini zam ngenxa yenu, ndikuzalisa enyameni yam okusileleyo kwiimbandezelo zikaKristu, ngenxa yomzimba wakhe olilo ibandla; endithe ndaba ngumlungiseleli wawo ngokokugosisa kukaThixo, awandinikela ngako ngenxa yenu, ukuba ndilizalise ilizwi likaThixo; Kwanaloo mfihlelo, ibifihliwe kwasemaphakadeni nasezizukulwaneni, nakungokunje ibonakalalisiweyo kubo abangcwele bakhe; awathandayo uThixo ukubazisa bona into obuyiyo ubutyebi bozuko lwaloo mfihlelo phakathi kwazo iintlanga; nguKristu ke ongaphakathi kwenu, ithemba lozuko; Sazisa yena ke thina, siluleka wonke umntu, sifundisa wonke umntu ngabo bonke ubulumko; ukuze simise wonke umntu egqibelele ekuKristu Yesu; endibulalekela kona oko, ndizama ngokokusebenza kwakhe okusebenzayo kum ngamandla.