Izenzo zabapostile 17
17
1KEKALOKU bakuba bebecandile i‐Amfipolisi ne‐Apoloniya, beza e‐Tesalonika, apo ibikona indlu yentlanganiso yama‐Juda. 2Waza u‐Paulusi, njengokuba belinjalo isiko lake, wangena kuwo, wati ngesabata zantatu wateta nawo eziba̔lweni, 3ezaneka, ebeka pambi kwawo ukuba u‐Kristu ebefanele ukuva intlungu nokuvuka ekufeni, nokuba lo unguye u‐Kristu, u‐Yesu enditi, watsho, ndimshumayele kuni. 4Aza inxenye kuwo akolwa, adlelana no‐Paulusi no‐Silasi; kwa nomhlambi omkulu wama‐Girike abedeshayo, nenani lamankazana amakulu elingelincinane.
5Kodwa ama‐Juda angakolwayo eba nozondo, atabatela kuwo amadoda atile azincwangu kumadungudwane asezinkundleni, enza imbutumbutu, apitizelisa isixeko, aṙaula indlu ka‐Yasone, afuna ukubaku̔pela ebantwini. 6Ati ke engabafumananga, ar̔ola u‐Yasone nabazalwana abatile pambi kwabagwebi besixeko, ememeza ukuti: Aba, abalipitizileyo ilizwe, bafikile nalapa; 7ate u‐Yasone ubamkele endlwini: kanjako aba bonke bayenza ngokumelana nemiteto ka‐Kesare, besiti kuko ukumkani wumbi, u‐Yesu. 8Axalisa isihlwele ke, nabagwebi besixeko, besiva ezizinto. 9Baza bakuba betabatile isibambiselo ku‐Yasone nakwabanye, babandulula.
10Bati abazalwana kwa oko batuma u‐Paulusi no‐Silasi ebusuku ukuya e‐Bereya; abati bakufika, baya bangena endlwini yentlanganiso yama‐Juda. 11Wona la ebegqitisile ngesimo sawo kwawase‐Tesalonika, ekubeni alamkelayo ilizwi ngako konke ukuvuma kwentliziyo, ezibenca iziba̔lo imihla ngemihla, ukuba ezizinto zinjalo kusinina. 12Ngako ke abaninzi bakuwo bakolwa, nenani lamankazana adumileyo angama‐Girikekazi nelamadoda elingelincinane. 13Kodwa ama‐Juda ase‐Tesalonika, xeshekweni abesazi ukuba ilizwi likatixo lashunyayelwa ngu‐Paulusi nase‐Bereya, eza nakona evuselela izihlwele. 14Bandula abazalwana kwa oko bamsusa u‐Paulusi ukuya njengokuba kuyiwa elwandle; kodwa u‐Silasi no‐Timote basala kona. 15Bati abo bamkapayo u‐Paulusi bamsa e‐Atenesi; baza besamkele isiyalezelo ku‐Silasi no‐Timote, sokuba beze kuye ngokukauleza kakulu, bemka.
16Kekaloku nxa u‐Paulusi ebebalinda e‐Atenesi, umoya wake ubucapukiswa pakati kwake, ebona isixeko ukuba sizele zizitixo. 17Ngako ke wabeteta endlwini yentlanganiso kuma‐Juda nakwababedeshayo, nasendaweni yentengo ngemihla yonke wabepikisana nabo bafumanana naye. 18Baza abafilosofe abatile bakwaba‐Epikure nabakwa‐Stoyike bapika naye. Babesiti ke inxenye: Singafun’ ukuti nina isitetateti esi? kodwa babesiti abanye: Unga ungumshumayeli wotixo basemzini; ngokuba ebeshumayela kubo u‐Yesu novuko lwabafileyo. 19Baza bamtabata nabo, bamsa kuyo indawo e‐kutiwa yi‐Aripago, besiti: Singaba sisazi na, lolwanina olufundiso olutsha olutetwa nguwe? 20ngokuba uzingenisa ezindlebeni zetu izinto ezitile ezimangalisayo: singa singazi ngoko, zingafun’ ukuti nina ezizinto. 21(Kekaloku bonke abase‐Atenesi, nabasemzini abebeṙanukele kona, bebedlulisa ixesha labo ngokuxela nangokupulapula indaba ezintsha kwapela.)
22Waza u‐Paulusi wema pakati kwayo indawo e‐kutiwa yi‐Aripago, wati: Madoda ase‐Atenesi! nditi ngendawo zonke ndibone okokuba nigqitisile ngokuhlonela otixo. 23Ngokuba ekudluleni, nasekugqaleni izibedeshelo zenu, ndafumana nesibingelo ebekuba̔liwe pezu kwaso ukuti: Kongaziwayo utixo. Oyena ngoko enimbedeshayo ningamazi, lo ndiyamshumayela kuni. 24Utixo owenza ilizwe nento zonke ezikulo, lo, eyinkosi yezulu nomhlaba nje, akahlali ezitempileni ezenziweyo ngezandla; 25akakonzwa zizandla zabantu kanjako, njengokungati ebeswela into, enguye ngokwake obapa bonke ubomi, nompefumlo, nento zonke; 26ote kanjalo wazenza ngegazi linye zonke intlanga zabantu, ukuba bahlale pezu kwobuso bonke bomhlaba, ebalule amaxesha amiselweyo pambili nemida yentlalo yabo; 27ukuze bafune inkosi, ukuba ngaba bangati bayiputaputele bayifumane, nakuba ingekude kuti sonke; 28ngokuba kukuyo sihleli, sishukuma, sibako, njengokuba nentlabeli ezitile zakowenu zitshilo ukuti: Ngokuba siyinzalo yake nati. 29Ngako siyinzalo katixo nje, asifanele ukuti oku butixo kunjengegolide, nesilivere, nelitye, into eziqingqiweyo ngobuncibi nangeqinga labantu. 30Lomaxesha okungazi ke utixo ewanyamezele nje, uti kaloku ayalele bonke abantu kuzo zonke indawo ukuba baguquke. 31Ngokokuba emisile umhla, okungawo uya kugweba ilizwe ngobulungisa, ngendoda ayibaluleyo, ebenzele bonke isiqiniso ngokuyivusa kwabafileyo.
32Kekaloku bakuva ngako ukuvuka kwabafileyo, abanye babehleka; kodwa abanye bati: Sobuya sikuve ngalendawo. 33Ngokunjalo ke wemka u‐Paulusi pakati kwabo. 34Kodwa amadoda atile anamatela kuye, akolwa; ekwako pakati kwawo u‐Diyonisi um‐Aripago, nomfazi ogama lingu‐Damarise, nabanye kunye nabo.
Currently Selected:
Izenzo zabapostile 17: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.