Izenzo zabapostile 18

18
1EMVENI kwezizinto ke, wemka u‐Paulusi e‐Atenesi, weza e‐Korinte; 2wafumana kona um‐Juda otile ogama lingu‐Akwila, owase‐Pontusi ngokuzalwa, esand’ ukuvela e‐Yitaliya, no‐Pirisila umfazi wake, (ngenxa yokuba bekuyalelwe ngu‐Kilodiyusi ukuba onke ama‐Juda emke e‐Roma,) waya kubo; 3nangenxa yokuba ubuncibi bake bebunjengobabo, wahlala kubo, wasebenza: ngokuba bebengabenzi bentente ubuncibi babo. 4Waza wapikisa endlwini yentlanganiso ngesabata zonke, weyisa ama‐Juda nama‐Girike.
5Naxeshekweni u‐Silasi no‐Timote bebehlile e‐Masedoniya, u‐Paulusi ebenyanzelwa emoyeni wake, enqi̔nisela ama‐Juda ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu. 6Kodwa eca̔sa wona, egxeka nokugxeka, wavutulula izivato zake, wati kuwo: Igazi lenu malibe pezu kwezenu intloko; ndimsulwa mna; ndoti emveni kwakaloku nje ndiye kubaheyideni. 7Waza wesuka kona, waya wangena endlwini yomntu otile ogama lingu‐Yusitusi, obebedesha utixo, ondlu ibibandakanyene nendlu yentlanganiso. 8Wati ke u‐Krisipo, umpati wendlu yentlanganiso, wakolwa kwinkosi kunye nayo yonke indlu yake; nabaninzi bakuwo ama‐Korinte besiva babekolwa, babapitizeshwa. 9Yaza yati inkosi ku‐Paulusi ngomboniso ebusuku: Ungoyiki, uz’ utete, ungati cwaka: 10ngokuba ndinawe mna, kwaye kungayi kuwelana nawe namnye ukuze akwenzakalise; ngokuba ndinabantu abaninzi kwesisixeko. 11Wahlala kona ke umnyaka mnye unenyanga ezintandatu, efundisa pakati kwabo ilizwi likatixo.
12Kekaloku nxa u‐Galiyone ebengumgwebi pezu kwe‐Akaiya, ati ama‐Juda ngentliziyo nye asukela ngaku‐Paulusi, amsa pambi kwesihlalo sokugweba, 13esiti: Lo uyahenda abantu ukuba babedeshe utixo ngokungalungelene nomteto. 14Esaza kuvula umlomo u‐Paulusi, wati u‐Galiyone kuma‐Juda: Ukuba kambe ibiyinto esisenzo esingalungileyo umhlaumbi esesobunginingini obukohlakeleyo, nina ma‐Juda! ngekufanelekile ukuba ndininyamezele; 15kodwa ukuba ngumbuzo ngawo amazwi, nangamagama, nangomteto wakowenu, wukangeleni ngokwenu; ngokuba ndingafuni ukuba ngumgwebi wezizinto. 16Waza wawagxota esihlalweni sokugweba. 17Asuka onke ama‐Girike ambamba u‐Sositene, umpati wendlu yentlanganiso, ambeta ebusweni besihlalo sokugweba: kanti u‐Galiyone ebengakataleli nanye yezizinto.
18KEKALOKU u‐Paulusi akuba ebesahleli kona imihla yamininzi, wabulisa abazalwana, waselishela e‐Siriya, benaye u‐Pirisila no‐Akwila, egugule intloko yake e‐Kenkriya; ngokuba ebesenzile isibambiso. 19Waza wafika e‐Efese, wabashiya abo kona. Kodwa yena ngokwake wangena endlwini yentlanganiso, wateta kuma‐Juda. 20Wati akutandazwa ngawo ukuba alibale ngakumbi kuwo, akavuma; 21koko wawabulisayo, wati: Ndifanele kunene ukuba ndiwubambe umtendeleko ozayo e‐Yerusaleme; kodwa ndobuya ndize kuni, evuma utixo. Waza wanduluka e‐Efese. 22Wati akuba ebefikele e‐Kesareya, wenyuka, wabulisa iṙemente, wehla waya e‐Antiyoki. 23Waza elenzile ixesha elitile kona, wemka, ecanda ilizwe le‐Galati ne‐Firijiya indawo ngendawo, esomeleza bonke abadisipile.
24KEKALOKU um‐Juda otile ogama lingu‐Apolosi, owase‐Aletsandriya ngokuzalwa, iciko lokuteta, obenamandla eziba̔lweni, wafika e‐Efese. 25Yena lo wayefundisiwe indlela yenkosi; owabesiti ezondelele emoyeni, wateta wafundisa ngokuku̔tala izinto ezingayo inkosi, esazana nobapitizesho luka‐Johane lodwa. 26Wati lo kanjalo waqala ukuteta ngokukalipa endlwini yentlanganise: abati bakuba bebemvile u‐Akwila no‐Pirisila, bamtabatela kubo, bamca̔zela indlela katixo ngokukolisekileyo ngakumbi. 27Naxeshekweni ebefuna ukuhambela e‐Akaiya, abazalwana baba̔la kubadisipile bakona, babayala ukuba mabamamkele ngembuko: owati akufika, wabanceda kakulu abo bakoliweyo ngalo ufefe: 28ngokuba ebewanyela ama‐Juda ngamandla ekuhleni, ebonakalisa ngeziba̔lo ukuba u‐Yesu unguye u‐Kristu.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena