Eyesibini yezikronike 20

20
1KWABEKUTE emveni kwoku, kweza usapo luka‐Mowabi, nosapo luka‐Hamoni, nakunye nalo abanye ngapandle kwaba‐Hamoni, ngakuye u‐Yehoshafate ukuba kuliwe. 2Baza bafika abatile bamxelela u‐Yehoshafate, besiti: Kuyeza ngakuwe isihlwele esikulu sivela pesheya kwolwandle, e‐Siriya; nabaya e‐Hatsetsone‐tamare, eyi‐Hene‐gedi. 3Waza woyika u‐Yehoshafate, wabeka ubuso bake ukumfuna uyehova, washumayela inzilo kuyo yonke i‐Juda. 4Bazihlanganisa o‐Juda kanjalo, ukuba bafune uncedo kuyehova: bavela kwa kuzo zonke izixeko zakwa‐Juda ukuza kumfuna uyehova.
5Waza wema u‐Yehoshafate entlanganisweni yo‐Juda ne‐Yerusaleme, endlwini kayehova, ngapambi kwebala elitsha, 6wati: Yehova, Tixo wobawo betu! akunguye na wena ongutixo ezulwini? akupati ubukosi na wena pezu kwabo bonke ubukumkani babaheyideni? nasesandleni sako akuko na ukwomelela namandla, kungeko ongamelana nawe? 7Akunguwe na, utixo wetu, owagqogqayo abemi belilizwe pambi kwabantu bako o‐Sirayeli, waza walinika kuyo inzalo ka‐Abrahame umhlobo wako kude kube ngunapakade? 8Bada bahlala kulo, bakwakela kulo indawo eyingcwele ngenxa yegama lako, besiti: 9Xeshekweni ilishwa lizayo pezu kwetu, isiṙele, umgwebo, nesifo esibubisayo, nendlala, siya kuma pambi kwalendlu, napambi kwako, (ngokuba igama lako likuyo indlu le,) sikale kuwe ebunzimeni betu, wauya kwandula ukuva nokusiza. 10Nakaloku, bona ke, usapo luka‐Hamoni, noluka‐Mowabi, nolwasentabeni ye‐Sehire, olo ubungavumeli o‐Sirayeli ukuba bangene pakati kwalo, ekuveleni kwabo elizweni le‐Jipete, koko bapambukayo kulo, bengalutshabalalisanga; 11kekaloku, bona ke, luyasivuza ngokuza ukusigxota elifeni lako, osinikileyo ukulidla. 12Tixo wetu! akuyi kulugweba na? ngokuba kungeko amandla kuti ebusweni besisihlwele sikulu esizayo ngakuti; kanjako asazi tina into esiya kuyenza: kodwa amehlo etu angakuwe.
13Baye o‐Juda bonke bemi pambi kwoyehova, kwa nosapo lwabo, abafazi babo nabantwana babo.
14Kwandula kweza pezu kwake u‐Yahaziyeli, unyana ka‐Zekariya, unyana ka‐Benaya, unyana ka‐Yeyeli, unyana ka‐Mataniya, um‐Levi, owonyana baka‐Safa, umoya kayehova, pakati kwentlanganiso; 15waza wati: Pulapulani, bo‐Juda bonke, nabemi base‐Yerusaleme, nokumkani Yehoshafate! utsho uyehova kuni ukuti: Ningoyiki, ningatuswa kanjalo, ngenxa yesisihlwele sikulu; ngokuba kungekokwenu ukulwa oku, kuko kukatixo. 16Ngomso yihlani niye ngakulo: bonani, luyanyuka ngeqina le‐Tsitse: naniya kulufumana encameni yentili, pambi kwentlango ye‐Yeruweli. 17Asi kokwenu ukulwa kokukulwa: zimiseni, yimani nibone usindiso lukayehova onani, bo‐Juda ne‐Yerusaleme! ningoyiki, ningatuswa kanjalo; ngomso pumelani ngakulo; ngokuba uyehova enani. 18Waza u‐Yehoshafate watoba pantsi ngobuso ngasemhlabeni; bati o‐Juda bonke nabemi base‐Yerusaleme bawa pambi kwoyehova, bembedesha uyehova. 19Basuka bema aba‐Levi, kulo usapo lwama‐Kohati, nakulo usapo lwama‐Kora, ukumdumisa uyehova, utixo wo‐Sirayeli, ngelizwi elikulu ngokupezulu.
20Baza bavuka kusasa ngomnye umhla, bapuma ukuya entlango yase‐Tekoha; nasekupumeni kwabo wema u‐Yehoshafate, wati: Ndipulapuleni, bo‐Juda, nabemi base‐Yerusaleme! kolwani kuyehova, utixo wenu, naniya kuqiniswa; kolwani kubaprofite bake, naniya kutamsanqeleka, 21Wandula wacebisana nabantu, wammisela uyehova abaculi, abaya kudumisa ebuhleni bobungcwele, bakupuma pambi kwabaxo̔bileyo, besiti: Bulelani kuyehova; ngokuba ububele bake bungunapakade.
22Kekaloku ngexesha baqalayo ukuvuma nokudumisa, wandula uyehova wamisa abalaleli ngakulo usapo luka‐Hamoni, noluka‐Mowabi, nolwasentabeni ye‐Sehire, olube luzile ngakubo o‐Juda; lwaza lwabetwa ke. 23Ngokuba usapo luka‐Hamoni noluka‐Mowabi belusukela ngakubo abemi bentaba ye‐Sehire, ukuze lugqibele ukubabulala nokubatshabalalisa; naxeshekweni belupelisile abemi bentaba ye‐Sehire, lwanceda olunye ukububisa olunye.
24Bati bakufika o‐Juda ngasenqatyeni yokulinda entlango, babeka ngasesihlweleni; kekaloku nasiya siyimizimba efileyo iwile pantsi emhlabeni, kungasindanga mntu. 25Kwandula ukuza u‐Yehoshafate nabantu bake ukupanga amaxoba abo, bafumana pakati kwabo ngobuninzi, kwa impahla, nemizimba efileyo, nezinto ezinqwenelekileyo, bazihlubela kwada kwakohlwa kutwalwa: baye bentsuku ntatu bepanga amaxoba lawo, ngokuba ebemaninzi wona.
26Nangolwesine usuku, bazihlanganisela emhlanjeni we‐Beraka; ngokuba apo bambonga uyehova: ngako oko kwabizwa igama lalondawo ngokuti ngumhlambo we‐Beraka#20:26 Oko kukuti: wom‐Bongo. kwada kwanamhla.
27Ada abuya onke amadoda akwa‐Juda nawase‐Yerusaleme, no‐Yehoshafate epambi kwawo, ukuya kubuyela e‐Yerusaleme ngovuyo; ngokuba uyehova ebewavuyisile pezu kwentshaba zawo. 28Aye esiza e‐Yerusaleme, enenebele, nehadi, namaxilongo, endlwini kayehova. 29Kwasuka kwabako ulwoyiko lukatixo pezu kwabo bonke ubukumkani balomazwe, bakuva okokuba kwaliwa nguyehova ngakuzo intshaba zo‐Sirayeli. 30Baza ubukumkani buka‐Yehoshafate bonwaba; ngokuba utixo wake wamnika ukupumla ngokungqonga.
31Kwa njalo u‐Yehoshafate wapata ubukumkani pezu kwo‐Juda: ebeyiminyaka imashumi matatu anesihlanu ubudala bake, akuba ngukumkani: wapata ubukumkani iminyaka yamashumi mabini anamihlanu e‐Yerusaleme. Igama lonina belingu‐Hazuba, intombi ka‐Shilihi. 32Waye ehamba ngendlela yoyise u‐Asa, akapambuka kuyo, esenza okufaneleyo emehlweni kayehova: 33kodwa indawo ezipakamileyo bezingasuswa; ngokuba abantu bengekabekisanga intliziyo zabo kuye utixo woyise babo.
34Nesisalela semicimbi ka‐Yehoshafate, eyokuqala neyokupela, bona ke, iba̔liwe yona emazwini ka‐Jehu unyana ka‐Hanani, abefakwa encwadini yokumkani bo‐Sirayeli.
35Nasemva kwoko, u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda watelelana no‐Ahaziya ukumkani wo‐Sirayeli, owakohlakalisa ukwenza kwake: 36wayetelelana naye ukuba kwenziwe inqanawa ukuya e‐Tareshishe: baza bazenza inqanawa e‐Hetsiyone‐gebere. 37Wandula u‐Eliyezeri, unyana ka‐Dodava, owase‐Maresha, waprofitesha ngakuye u‐Yehoshafate, esiti: Ngokokuba utelelene no‐Ahaziya, uyehova uyicitile imisebenzi yako. Kwa njalo inqanawa zapuka, zaza zakohlwa ukuya e‐Tareshishe.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena