Eyesibini yezikronike 19

19
1Wasuka u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda wabuyela endlwini yake ngoxolo, e‐Yerusaleme. 2Waza wapuma u‐Jehu unyana ka‐Hanani, umboni, ukuya kumhlangabeza, wati kukumkani u‐Yehoshafate: Unga unceda na okohlakeleyo, nabo bamtiyayo uyehova ubatande na? ngako ngenxa yoku kupezu kwako umsindo uvela ebusweni bukayehova. 3Noko ke izinto ezilungileyo zifunyenwe kuwe, ukuba uyisusile imifanekiso ka‐Ashera elizweni, nokuba uyibekisile intliziyo yako ukumfuna utixo.
4KEKALOKU u‐Yehoshafate wahlala e‐Yerusaleme: wada wabuya wapuma pakati kwabantu, kwa kuyo i‐Beresheba kwada kwakuyo intaba yakwa‐Frayime, wababuyisela kuyehova, utixo woyise babo.
5Waza wamisa abagwebi elizweni, kuzo zonke izixeko ezinqatyisiweyo zakwa‐Juda, isixeko ngesixeko, 6wati kubagwebi: Gqalani oko nikwenzayo; ngokuba kungengenxa yabantu enigwebayo, koko kungenxa kayehova, okunye nani entweni yokugweba. 7Ngako kaloku ulwoyiko lukayehova malube pezu kwenu: lumkani neuze ke; ngokuba kungeko noyehova, utixo wetu, ubumenemene, nokubuka ubuso, nokwamkela amabaso.
8Nakanjako e‐Yerusaleme wamisa u‐Yehoshafate inxenye yaba‐Levi nabaperisite, nenxenye yabazintloko zendlu zoyise zo‐Sirayeli, ngenxa yokugweba kukayehova, nangenxa yamapike; bakubuyela e‐Yerusaleme. 9Waza wabayalela ngokuti: Niya kwenje njalo ngokwoyika uyehova, ngenyaniso, nangentliziyo ekolisekileyo. 10Nawo onke amapike aya kuza kuni, evela kubo abazalwana benu abahleli ezixekweni zabo, pakati kwegazi negazi, pakati kwomteto nomyalelo, nezimiselo, nezigwebo, niya kwandula nibayale ukuba mabangabi natyala ngakuye uyehova, ude uhle umsindo pezu kwenu, napezu kwabazalwana benu: yenzani njalo ke, naningayi kuba natyala. 11Kanjako, bona ke, u‐Amariya, umperisite omkulu, upezu kwenu ngenxa yayo yonke imicimbi kayehova; no‐Zebadiya unyana ka‐Shimayeli, inkosi yendlu ka‐Juda, ngenxa yayo yonke imicimbi yokumkani; boti naba‐Levi babe ngamagosa ebusweni benu: yomelelani nenze ke, waye uyehova eya kuba nalowo ulungileyo.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena