Eyesibini yezikronike 18

18
1KEKALOKU u‐Yehoshafate ebenobutyebi nodumo ngento eninzi; watshatiselana no‐Ahabi kanjalo. 2Wayesihla ekupeleni kweminyaka etile waya ku‐Ahabi e‐Samariya. Waza u‐Ahabi waxe̔lela yena nabantu ababenaye igusha nenkabi, into eninzi, wamcenga ukuba enyuke naye ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi. 3Ngokuba ebesiti u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli kuye u‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda: Uya kuhamba na nam ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wayesiti kuye: Ndinjalo mna, njengokuba unjalo wena, nanjengokuba benjalo abantu bako, banjalo abantu bam; sasiya kuba nawe kulemfazwe.
4Walekela u‐Yehoshafate wati kuye ukumkani wo‐Sirayeli: Kaubuze ke namhla elizwini likayehova. 5Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wahlanganisa abaprofite, amadoda angamakulu mane, wati kubo: Siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Bati: Nyuka; ngokuba utixo eya kuyinikela esandleni sokumkani.
6Wati kodwa u‐Yehoshafate: Akuseko na apa umprofite kayehova, ukuba sibuze ngaye? 7Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Kuseko indoda inye, ekungabuzwayo kuyehova ngayo, kodwa ndiyayitiya, ngokuba ingaprofiteshi ngam okulungileyo, koko iprofitesha okubi ngamaxesha onke; nguye u‐Mikaya unyana ka‐Yimla. Wayesiti u‐Yehoshafate: Makangatsho njalo ukumkani!
8Wandula ukumkani wo‐Sirayeli wambiza umbusi, wati: Nxama umzise u‐Mikaya unyana ka‐Yimla. 9Kekaloku ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, bahlala omnye nomnye pezu kweterone yake, bevatisiwe ngezivato zobukumkani, behleli enkundleni ngasemnyango wesango le‐Samariya; bati abaprofite bonke baprofitesha ebusweni babo. 10Kanjalo u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana ebezenzele impondo zesincete; waza wati: Utsho uyehova ukuti: Ngazo ezi uya kunquba ama‐Siriya ude uwagqibele. 11Benje njalo nabaprofite bonke ukuprofitesha, besiti: Nyuka uye e‐Ramote yase‐Gileyadi, utamsanqeleke; ngokuba uyehova eya kuyinikela esandleni sokumkani.
12Kekaloku isigidimi esibe siye ukumbiza u‐Mikaya sateta kuye, sisiti: Bona ke, amazwi abaprofite ngomlomo mnye ateta okulungileyo kukumkani; makeliti ke ilizwi lako libe njengelomnye kubo, uz’ utete okulungileyo. 13Wati kodwa u‐Mikaya: Ehleli nje uyehova, oko akutshoyo utixo wam, ndiya kuteta kwa kona. 14Wasuka weza kukumkani.
Waza wati ukumkani kuye: Mikaya! siya kuya e‐Ramote yase‐Gileyadi ukulwa, ndiya kuyeka, kusinina? Wayesiti: Nyukani, nitamsanqeleke; ngokuba beya kunikelwa esandleni senu. 15Waza wati ukumkani kuye: Kwoda kube ngamaxesha mangapina ndiya kukufungisa, ukuba ungateti nto kum, kupela ibe yinyaniso, egameni likayehova? 16Wayesiti: Ndabona o‐Sirayeli bonke bete sa pezu kwentaba, njengegusha ezingenaye umalusi; wati ke uyehova: Akuko inkosi kubo aba; mababuye abanye ngabanye baye ezindlwini zabo ngoxolo.
17Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Andite kuwe na, akayi kuprofitesha ngam okulungileyo, koko eya kuprofitesha okubi?
18Wayesiti: Ngako oko yivani ilizwi likayehova: Ndabona uyehova ehleli pezu kweterone yake, nawo wonke umkosi wasezulwini umi ngasekunene kwake nangasekohlo kwake. 19Waza wati uyehova: Ngubanina oya kuhenda u‐Ahabi ukumkani wo‐Sirayeli, ukuba enyuke, enzakale e‐Ramote yase‐Gileyadi? Wati omnye esiti ngokuti, nomnye esiti ngokuti. 20Wada wapuma umoya, wema pambi kwoyehova, wati: Ndiya kumhenda mna. Wati uyehova kuye: Nganina? 21Wayesiti: Ndiya kupuma, ndize ndibe ngumoya wobuxoki emlonyeni wabo bonke abaprofite bake. Wati: Uya kuhenda, wauya kweyisa kanjalo; puma, wenje njalo ke. 22Ngako kaloku, bona ke, uyehova ubekile umoya wobuxoki emlonyeni wabo ababaprofite bako; kanjalo uyehova utetile ngawe okubi.
23Wandula wasondela u‐Zedekiya unyana ka‐Kenana, wambeta u‐Mikaya esidleleni, wati: Wadlula ngayipina indlela umoya kayehova evela kum ukuya kuteta nawe? 24Wayesiti u‐Mikaya: Bona ke, uya kubona ngalomini uya kungena ngayo enkambilini yapakati, ukuba uzimele.
25Waza wati ukumkani wo‐Sirayeli: Tabatani u‐Mikaya, nimbuyisele ku‐Amoni inkosi yesixeko, naku‐Yohashe unyana wokumkani, 26niti: Utsho ukumkani ukuti: Fakani lo entolongweni, nimdlise isonka sembandezelo namanzi embandezelo, ndide ndibuye ngoxolo. 27Waza wati u‐Mikaya: Ukuba uka ubuye ngoxolo, uyehova akatetanga ngam. Walekela wati: Pulapulani, bantu, nina nonke!
28Wandula wenyuka ukumkani wo‐Sirayeli, no‐Yehoshafate ukumkani wo‐Juda, ukuya e‐Ramote yase‐Gileyadi 29Waza ukumkani wo‐Sirayeli wati ku‐Yehoshafate: Ndiya kuzenza ngakumbi, ndingene pakati kwokulwa; kodwa wena, yambata izivato zako zobukumkani. Kwa njalo ukumkani wo‐Sirayeli wazenza ngakumbi; baza bangena pakati kwokulwa. 30Kekaloku ukumkani we‐Siriya ebeyalele inkosi zenqwelwana abenazo, ngokuti: Aniyi kulwa kwa nabancinane nabakulu, kupela niya kulwa nokumkani wo‐Sirayeli yedwa. 31Kwaye kute, xeshekweni inkosi zenqwelwana zambonayo u‐Yehoshafate, zasezisiti: Ngukumkani wo‐Sirayeli lowo. Zaza zamṙaula kuliwe; kodwa u‐Yehoshafate wakala, wati uyehova wamsiza: wada utixo wazinqanda kuye. 32Ngokuba bekute, zakubona inkosi zenqwelwana ukuba asi nguye ukumkani wo‐Sirayeli, zabuya ekumlandeleni. 33Yandula indoda etile yatyeda isipeta ekungazini kwayo, yambeta ukumkani wo‐Sirayeli pakati kwamakonxo nehempe yentsimbi. Ngako wati kumbexeshi: Songa isandla sako, upume nam emkosini; ngokuba ndenziwe inxeba. 34Kwaye kusanda ukulwa ngalomini; waza ukumkani wo‐Sirayeli wazixasa enqwelwaneni malangana nama‐Siriya kwada kwahlwa; wada wafa ngexesha lokutshona kwelanga.

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena