Eyokuqala yokumkani 18:36-37

Eyokuqala yokumkani 18:36-37 XHO1902A

Kwaye kute, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, wandula wasondela u‐Elija umprofite, wati: YEHOVA, TIXO ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli! makwaziwe namhla ukuba wena UNGUTIXO kwa‐Sirayeli, nokuba mna ndisisicaka sako, nokuba ndizenzile zonke ezizinto ngelizwi lako. Ndipendule, YEHOVA! ndipendule, baze bakwazi abantu aba okokuba wena YEHOVA unguye UTIXO, nokuba usongile intliziyo yabo ngomva.