OOKUMKANI I 18:36-37
OOKUMKANI I 18:36-37 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kwathi ekunyusweni komnikelo wokudla wangokuhlwa, wasondela uEliya umprofeti, wathi, Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, kaSirayeli, namhla makwaziwe ukuba nguwe uThixo kwaSirayeli; ukuba ndingumkhonzi wakho mna; ukuba ndizenzé zonke ezi zinto ngelizwi lakho. Ndíphendule, Yehova, ndíphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguThixo, ukuba uyiguqulele kuwe intliziyo yabo.
OOKUMKANI I 18:36-37 IBHAYIBHILE (XHO96)
Kwathi ke ngexesha lamadini angokuhlwa umshumayeli uEliya wasondela eqongeni, waza wathandaza wenjenje: “Ndikhoyo, Thixo ka-Abraham, Thixo kaIsake, Thixo kaSirayeli, namhlanje mayaziwe into yokuba nguwe uThixo kaSirayeli, mna ke ndisisicaka sakho, nezi zinto zonke ndizenzileyo ndizenze ngokuyalelwa nguwe. Ewe, ndiphendule kaloku, Ndikhoyo, khon' ukuze naba bantu bakuqonde, bakwazi, wena Ndikhoyo, ukuba unguThixo, babone ukuba wena ngoku uziguqulele kuwe iintliziyo zabo.”
OOKUMKANI I 18:36-37 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Ngexesha lombingelelo wangokuhlwa, umprofeti uEliya wasondela waza wathi: “Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, noSirayeli, makwazeke namhla ukuba uThixo wakho usezweni lakwaSirayeli; nokuba ndingumkhonzi wakho, ukuze ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho. Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguYehova, nokuba nguwe oyibuyiseleyo intliziyo yabo.
OOKUMKANI I 18:36-37 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kwaye kute, nxa kunikelwa ngomnikelo wokudla, wandula wasondela u‐Elija umprofite, wati: YEHOVA, TIXO ka‐Abrahame, ka‐Yisake, noka‐Sirayeli! makwaziwe namhla ukuba wena UNGUTIXO kwa‐Sirayeli, nokuba mna ndisisicaka sako, nokuba ndizenzile zonke ezizinto ngelizwi lako. Ndipendule, YEHOVA! ndipendule, baze bakwazi abantu aba okokuba wena YEHOVA unguye UTIXO, nokuba usongile intliziyo yabo ngomva.