oOKumkani 1 18:36-37

oOKumkani 1 18:36-37 CXB24

Ngexesha lombingelelo wangokuhlwa, umprofeti uEliya wasondela waza wathi: “Yehova, Thixo ka-Abraham, kaIsake, noSirayeli, makwazeke namhla ukuba uThixo wakho usezweni lakwaSirayeli; nokuba ndingumkhonzi wakho, ukuze ndizenze zonke ezi zinto ngelizwi lakho. Ndiphendule, Yehova, ndiphendule, bazi aba bantu ukuba wena Yehova unguYehova, nokuba nguwe oyibuyiseleyo intliziyo yabo.