Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12:12-31

Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12:12-31 XHO1902A

Ngokuba kwa njengokuba umzimba umnye, kanti unawo amalungu amaninzi, kodwa onke amalungu alomzimba mnye, nakuba emaninzi, angumzimba mnye; unjalo no‐Kristu. Ngokuba kanjalo NGOMOYA mnye tina sonke sabapitizeshelwa emzimbeni mnye, nokuba singama‐Juda, nokuba singama‐Girike, nokuba singamakoboka, nokuba singabakululekileyo; sati ke sonke sasezelwa KUMOYA mnye. Ngokuba kanjalo umzimba ungelilo ilungu nye, ungawo amaninzi. Xeshekweni lutshoyo unyawo ukuti: Kuba ndingesiso isandla, andiyinto yasemzimbeni; alubi ngenxa yoku lungeyinto yasemzibeni? Naxeshekweni itshoyo indlebe ukuti: Kuba ndingelilo iliso, andiyinto yasemzimbeni; ayibi ngenxa yoku ingeyinto yasemzimbeni? Ukuba umzimba upela ubuliliso, bekuya kuba pina ukuva? Ukuba wona upela ubukukuva, bekuya kuba pina ukujoja? Kodwa kaloku amalungu UTIXO uwabekile onke amanye ngamanye emzimbeni, njengokuba ebetanda. Kanjako ukuba wona onke ebelilo ilungu nye, ubuya kuba pina umzimba? Kodwa kaloku ngamaninzi ke amalungu, umnye kanti umzimba. Alingetsho ke iliso esandleni ukuti: Andinakufuna wena; ayingetsho kanjako intloko ezinyaweni ukuti: Andinakufuna nina. Ewe kakulu ngakumbi ke lomalungu omzimba anga abutataka ngapezu kwamanye ayafuneka; nalawo esiba angawo omzimba adumileyo kancinane kwamanye, wona la siyawafaka udumo olukulu ngakumbi; aze amalungu etu angemahle azuze ubuhle obukulu ngakumbi; kodwa amalungu etu amahle akanakubuswela: koko UTIXO awumanyileyo umzimba kunye, elunikile nje udumo olukulu ngakumbi kulondawo eluswelayo: ukuze kungabiko impambano emzimbeni, koko ati amalungu afane ukukatalelana kwawo. Kanjalo nokuba kuyeva intlungu ilungu linye, kuyeva intlungu onke amalungu kunye nalo; nokuba kuyenzelwa ubungcwalisa ilungu linye, kuyavuya onke amalungu kunye nalo. Kekaloku nina ningumzimba ka‐Kristu, namalungu omnye ngomnye. Kanjako abanye UTIXO ubabekile eṙementeni, ngokwokuqala abapostile, ngokwesibini abaprofite, ngokwesitatu abafundisi, emva kwoko imimangaliso, kamva izipiwo zokupilisa, intsizo, impato, intlobo ngentlobo zenteto. Ngabapostile bonke na? ngabaprofite bonke na? ngabafundisi bonke na? ngabenzayo imimangaliso bonke na? banezipiwo zokupilisa bonke na? bayateta ngezinye inteto bonke na? bayakumsha bonke na? Kodwa zondelelani izipiwo ezilungileyo ngakumbi: kanti ndisanibonisa indlela egqitisileyo ngokulunga.