Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12
12
1KEKALOKU ngazo izipiwo ezibumoya, bazalwana! anditandi ukuba nibe ningenakwazi. 2Niyazi ukuba nibe ningabaheyideni nir̔olelwa ezitixweni ezingenakuteta, njengokuba kusukuba nibe nikokelwa. 3Ngako oko ndiyanazisa, ukuba akuko mntu eteta ngomoya katixo oti u‐Yesu uyinto eqalekisiweyo: kanjalo akuko mntu ongatshoyo ukuti u‐Yesu u yinkosi, kupela ngomoya oyingcwele.
4Kuko izipiwo ngezipiwo, kodwa umoya okwa mnye. 5Kuko nezikonzo ngezikonzo, nenkosi ekwa nye. 6Kuko namasebenzi ngamasebenzi, kodwa ngutixo okwa mnye okwenzayo konke kubo bonke. 7Kodwa kuyanikwa kwabanye ngabanye ukubonakaliswa kwomoya kube kukuncedwa. 8Ngokuba kunikwa komnye ngaye umoya ilizwi lobulumko; nakomnye ilizwi lokwazi ngokwalowo umoya; 9nakomnye ukolo ngalowo umoya; nakomnye izipiwo zokupilisa ngalowo umoya; 10nakomnye amasebenzi emimangaliso; nakomnye isiprofitesho; nakomnye ukwahlula omoya; nakomnye intlobo ngentlobo zenteto: nakomnye ukukumsha inteto: 11kodwa zonke ezi uyazenza oyena mnye umoya okwa nguye lowo, ebabela bonke abanye ngabanye njangokuba evuma.
12Ngokuba kwa njengokuba umzimba umnye, kanti unawo amalungu amaninzi, kodwa onke amalungu alomzimba mnye, nakuba emaninzi, angumzimba mnye; unjalo no‐Kristu. 13Ngokuba kanjalo ngomoya mnye tina sonke sabapitizeshelwa emzimbeni mnye, nokuba singama‐Juda, nokuba singama‐Girike, nokuba singamakoboka, nokuba singabakululekileyo; sati ke sonke sasezelwa kumoya mnye.
14Ngokuba kanjalo umzimba ungelilo ilungu nye, ungawo amaninzi. 15Xeshekweni lutshoyo unyawo ukuti: Kuba ndingesiso isandla, andiyinto yasemzimbeni; alubi ngenxa yoku lungeyinto yasemzibeni? 16Naxeshekweni itshoyo indlebe ukuti: Kuba ndingelilo iliso, andiyinto yasemzimbeni; ayibi ngenxa yoku ingeyinto yasemzimbeni? 17Ukuba umzimba upela ubuliliso, bekuya kuba pina ukuva? Ukuba wona upela ubukukuva, bekuya kuba pina ukujoja? 18Kodwa kaloku amalungu utixo uwabekile onke amanye ngamanye emzimbeni, njengokuba ebetanda. 19Kanjako ukuba wona onke ebelilo ilungu nye, ubuya kuba pina umzimba? 20Kodwa kaloku ngamaninzi ke amalungu, umnye kanti umzimba. 21Alingetsho ke iliso esandleni ukuti: Andinakufuna wena; ayingetsho kanjako intloko ezinyaweni ukuti: Andinakufuna nina. 22Ewe kakulu ngakumbi ke lomalungu omzimba anga abutataka ngapezu kwamanye ayafuneka; 23nalawo esiba angawo omzimba adumileyo kancinane kwamanye, wona la siyawafaka udumo olukulu ngakumbi; aze amalungu etu angemahle azuze ubuhle obukulu ngakumbi; 24kodwa amalungu etu amahle akanakubuswela: koko utixo awumanyileyo umzimba kunye, elunikile nje udumo olukulu ngakumbi kulondawo eluswelayo: 25ukuze kungabiko impambano emzimbeni, koko ati amalungu afane ukukatalelana kwawo. 26Kanjalo nokuba kuyeva intlungu ilungu linye, kuyeva intlungu onke amalungu kunye nalo; nokuba kuyenzelwa ubungcwalisa ilungu linye, kuyavuya onke amalungu kunye nalo.
27Kekaloku nina ningumzimba ka‐Kristu, namalungu omnye ngomnye. 28Kanjako abanye utixo ubabekile eṙementeni, ngokwokuqala abapostile, ngokwesibini abaprofite, ngokwesitatu abafundisi, emva kwoko imimangaliso, kamva izipiwo zokupilisa, intsizo, impato, intlobo ngentlobo zenteto. 29Ngabapostile bonke na? ngabaprofite bonke na? ngabafundisi bonke na? ngabenzayo imimangaliso bonke na? 30banezipiwo zokupilisa bonke na? bayateta ngezinye inteto bonke na? bayakumsha bonke na?
31Kodwa zondelelani izipiwo ezilungileyo ngakumbi: kanti ndisanibonisa indlela egqitisileyo ngokulunga.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 12: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.