Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 13
13
1NAKUBA nditeta ngenteto zabantu nezengelosi, kodwa ndingenalo utando, sendiyixina ehlokomayo, umhlaumbi yisimbali ekencezayo. 2Kanjalo nakuba ndinesipiwo sokuprofitesha, ndiqonda nemfihlakalo zonke, nako konke ukwazi; ewe nakuba ndinalo lwonke ukolo, ndide ndizishenxise intaba, kodwa ndingenalo utando, ndiyinto enganto. 3Kanjalo nakuba ndiyaba yonke impahla yam ngokufunzela amahlwempu, ewe nakuba ndiwunikela umzimba wam ukuze nditshiswe, kodwa ndingenalo utando, andincedwa luto.
4Utando lunokuzeka kade, lunobubele; utando alunozondo; utando aluzidli, aluvutelani, 5alwenzi ngokungafanelekileyo, alufuni okwalo, alunakucapukiswa, alutelekeleli ububi; 6aluvuyeli okungalungileyo, kodwa luyavuya kunye nayo inyaniso; 7luyanyamezela izinto zonke, luyakolwa zizinto zonke, luyatemba izinto zonke, lunomonde ezintweni zonke.
8Utando alutshitshi napakade: kodwa nokuba ziziprofitesho, ziya kutshabalala; nokuba zinteto, ziya kupela; nokuba kukwazi, kuya kutshabalala. 9Ngokuba sisazi ngokwenxenye, kanjalo siprofitesha ngokwenxenye. 10Kodwa xeshekweni kufika oko kufezekileyo, kuya kwandula oko kungokwenxenye kutshabalale. 11Xeshekweni ndibe ndingumntwana, ndanditeta njengomntwana, ndandikumbula njengomntwana, ndanditelekelela njengomntwana; kodwa ngoku sendiyindoda nje, ndizibekile nxamnye izinto zobuntwana. 12Ngokuba kaloku nje sibona ngayo incwadi ekusiteni, kodwa oko sobona ubuso ngakubo ubuso: kaloku nje ndiyazi ngokwenxenye, kodwa oko ndiya kwazi ngokukolisekileyo, njengokuba kanjalo bendisaziwa ngokukolisekileyo.
13Kodwa kaloku nje kuhleli ukolo, itemba, utando, ezizinto zontatu; kanti eyona inkulu pakati kwezi lutando.
Currently Selected:
Eyokuqala incwadi ka‐Paulusi kuma‐Korinte 13: XHO1902A
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
Published by the British and Foreign Bible Society in 1902.