KWABASEKORINTE I 12:12-31
KWABASEKORINTE I 12:12-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
UKrestu unjengomzimba, wona unamalungu amaninzi, kodwa ube wona umnye. Ngokunjalo nathi sonke, nokuba singamaJuda okanye amaGrike, nokuba singamakhoboka okanye singabakhululekileyo, sabhaptizelwa mzimbeni mnye, nguMoya omnye; futhi sasezwa kwaloo Moya mnye. Kaloku umzimba lo awulolungu linye, ungamalungu amaninzi. Nokuba unyawo belungáthi: “Kaloku mna andisosandla, ngoko ke andingowomzimba,” loo nto ibingayi kulwenza unyawo lungabi lolungu lomzimba. Nokuba indlebe ibingasuka ithi: “Ngenxa yokuba mna ndingelilo iliso, ngoko ke andingowawo umzimba,” loo nto ibingayi kuyenza ingabi lilo ilungu lomzimba indlebe. Ukuba ke wonke umzimba ubuliliso ngesisiva njani? Khona ukuba ubuyindlebe wonke, ngesijoja njani? Kodwa ke uThixo udale amalungu ahlukeneyo emzimbeni ngokuthanda kwakhe. Ukuba amalungu onke ebelilungu elinye qha, ibingàyi kuba ngumzimba loo nto. Kambe ke inje le nto: nakuba amalungu emaninzi nje, umzimba wona mnye. Ngoko ke iliso alinakuthi esandleni: “Andikufuni nganto;” ingenakutsho nentloko ezinyaweni ukuthi: “Andinifuni nganto.” Kusuka kuthi awona malungu angathi abuthathaka, ibe ngawona kanye singenakwenza nto engekho; aze wona loo malungu angawona adelekileyo, ibe ngawo kanye esiwambathisa ngokunonelela; aze amalungu ahlonitshwayo ibe ngawona acoselelwayo ukunakekelwa, nto leyo ingeyomfuneko kumalungu afanelekileyo. UThixo umzimba uwakhe ngohlobo lokuba amalungu adelekileyo ibe ngawona ahlonitshwayo. Ngoko ke akukho kubukulana emzimbeni – asuka amalungu onke ilelo linyamekele elinye. Xa sukuba elinye lisifa, onke amanye amalungu avelana nalo; kuthi lakunikwa imbeko, onke amanye avuyisane nalo. Ningumzimba kaKrestu ke xa ninonke nina; elowo kuni lilungu laloo mzimba. UThixo ebandleni lakhe unocwangco: Kuqala *ngabathunywa, kulandele *abashumayeli, kuze abefundisi; emva kwabo ibe ngabenza imiqondiso, ibe ngabanegunya lokuphilisa, abancedisi, abakhokeli, nabathetha iilwimi. Àbangobathunywa bonke aba, bengengobashumayeli bonke, bengengabo nabefundisi bonke. Asingabo bonke abanegunya lemiqondiso, ingengabo bonke nabanegunya lokuphilisa, bengathethi zilwimi bonke, bengatoliki bonke. Ke kaloku langazelelani ezona zipho zibalaseleyo.
KWABASEKORINTE I 12:12-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo. Kaloku thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike, nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; nokuba sasezwa Moyeni mnye sonke. Kaloku nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni; Lo asingowasemzimbeni na? Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni; Lo asingowasemzimbeni na? Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke, uThixo uthe wawamisa amalungu onke emzimbeni, njengoko ethanda. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba? Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba. Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum. Kambe ke wona amalungu la malungu omzimba abonakala ebuthathaka ngakumbi. Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu abekekileyo, abe ngawona abekekileyo. Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu; ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni; kodwa ukuba amalungu anyamekelane; kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke. Nina ke ningumzimba kaKristu, ngokwamalungu mnye. Inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi. Bangabapostile bonke na? Bangabaprofeti bonke na? Ngabafundisi bonke? Banemisebenzi yamandla bonke na? Baneziphiwo zokuphilisa bonke? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Batolika bonke bephela? Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo, kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.
KWABASEKORINTE I 12:12-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo. Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; sonke sasezwa Moyeni mnye; kuba nomzimba lo ungèlungu linye, ungamaninzi. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, lúthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na? Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, íthi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na? Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba? Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba. Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum. Asuka amalungu omzimba angáthi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo. Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo. Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu; ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye; kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke. Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo. Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile,• okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi. Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na? Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na? Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo; kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.

KWABASEKORINTE I 12:12-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ngokuba kwa njengokuba umzimba umnye, kanti unawo amalungu amaninzi, kodwa onke amalungu alomzimba mnye, nakuba emaninzi, angumzimba mnye; unjalo no‐Kristu. Ngokuba kanjalo NGOMOYA mnye tina sonke sabapitizeshelwa emzimbeni mnye, nokuba singama‐Juda, nokuba singama‐Girike, nokuba singamakoboka, nokuba singabakululekileyo; sati ke sonke sasezelwa KUMOYA mnye. Ngokuba kanjalo umzimba ungelilo ilungu nye, ungawo amaninzi. Xeshekweni lutshoyo unyawo ukuti: Kuba ndingesiso isandla, andiyinto yasemzimbeni; alubi ngenxa yoku lungeyinto yasemzibeni? Naxeshekweni itshoyo indlebe ukuti: Kuba ndingelilo iliso, andiyinto yasemzimbeni; ayibi ngenxa yoku ingeyinto yasemzimbeni? Ukuba umzimba upela ubuliliso, bekuya kuba pina ukuva? Ukuba wona upela ubukukuva, bekuya kuba pina ukujoja? Kodwa kaloku amalungu UTIXO uwabekile onke amanye ngamanye emzimbeni, njengokuba ebetanda. Kanjako ukuba wona onke ebelilo ilungu nye, ubuya kuba pina umzimba? Kodwa kaloku ngamaninzi ke amalungu, umnye kanti umzimba. Alingetsho ke iliso esandleni ukuti: Andinakufuna wena; ayingetsho kanjako intloko ezinyaweni ukuti: Andinakufuna nina. Ewe kakulu ngakumbi ke lomalungu omzimba anga abutataka ngapezu kwamanye ayafuneka; nalawo esiba angawo omzimba adumileyo kancinane kwamanye, wona la siyawafaka udumo olukulu ngakumbi; aze amalungu etu angemahle azuze ubuhle obukulu ngakumbi; kodwa amalungu etu amahle akanakubuswela: koko UTIXO awumanyileyo umzimba kunye, elunikile nje udumo olukulu ngakumbi kulondawo eluswelayo: ukuze kungabiko impambano emzimbeni, koko ati amalungu afane ukukatalelana kwawo. Kanjalo nokuba kuyeva intlungu ilungu linye, kuyeva intlungu onke amalungu kunye nalo; nokuba kuyenzelwa ubungcwalisa ilungu linye, kuyavuya onke amalungu kunye nalo. Kekaloku nina ningumzimba ka‐Kristu, namalungu omnye ngomnye. Kanjako abanye UTIXO ubabekile eṙementeni, ngokwokuqala abapostile, ngokwesibini abaprofite, ngokwesitatu abafundisi, emva kwoko imimangaliso, kamva izipiwo zokupilisa, intsizo, impato, intlobo ngentlobo zenteto. Ngabapostile bonke na? ngabaprofite bonke na? ngabafundisi bonke na? ngabenzayo imimangaliso bonke na? banezipiwo zokupilisa bonke na? bayateta ngezinye inteto bonke na? bayakumsha bonke na? Kodwa zondelelani izipiwo ezilungileyo ngakumbi: kanti ndisanibonisa indlela egqitisileyo ngokulunga.