Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

KwabaseKorinte 1 12:12-31

KwabaseKorinte 1 12:12-31 CXB24

Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo. Kaloku thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike, nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo; nokuba sasezwa Moyeni mnye sonke. Kaloku nomzimba lo ungelungu linye, ungamaninzi. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni; Lo asingowasemzimbeni na? Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni; Lo asingowasemzimbeni na? Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela? Kungoku ke, uThixo uthe wawamisa amalungu onke emzimbeni, njengoko ethanda. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba? Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba. Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum. Kambe ke wona amalungu la malungu omzimba abonakala ebuthathaka ngakumbi. Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu abekekileyo, abe ngawona abekekileyo. Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu; ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni; kodwa ukuba amalungu anyamekelane; kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke. Nina ke ningumzimba kaKristu, ngokwamalungu mnye. Inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile, okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi. Bangabapostile bonke na? Bangabaprofeti bonke na? Ngabafundisi bonke? Banemisebenzi yamandla bonke na? Baneziphiwo zokuphilisa bonke? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Batolika bonke bephela? Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo, kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.