IZAFOBE 3:1-12

IZAFOBE 3:1-12 XHO96

Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam, koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho. Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi, ikwandisele iminyaka noxolo. Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka. Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho. Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho. Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile, ube negama elihle kuThixo nasebantwini. Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke, ungaze ungqiyame ngezakho iimbono. Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho, waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho. Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho; ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi. Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho, atsho omelezeke amathambo akho. Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo; ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho. Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo; kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha. Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo, ungasicekisi isiluleko sakhe. Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo, kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.