IZAFOBE 3
3
Icebiso kulutsha
1Mfo wam, sukuyilibala imfundiso yam,
koko mayihlale ihleli imiyalelo yam engqondweni yakho.
2Kaloku imfundiso yam iya kukongezela imihla emininzi,
ikwandisele iminyaka noxolo.
3Ungaze wahlukane nentembeko nokunyaniseka.
Maxa onke ezi zinto mazibe sisivatho entanyeni yakho.
Ewe, zikrole elucwecweni lwentliziyo yakho.
4Ukuba uyayenza ke loo nto uya kuhlala wamkelekile,
ube negama elihle kuThixo nasebantwini.
5Kholosa *ngoNdikhoyo ngomxhelo wakho wonke,
ungaze ungqiyame ngezakho iimbono.
6Mkhumbule uNdikhoyo kuyo yonke ihambo yakho,
waye ke yena eya kukukhokela kuzo zonke iindlela zakho.
7Musa ukuzibona usisilumko wena ngokwakho;
ndaweni yaloo nto hlala umhlonela uNdikhoyo, ubucezele ububi.
8Loo nto iya kuwunika impilo umzimba wakho,
atsho omelezeke amathambo akho.
9Rhuma ngobuncwane bengeniso yakho, uzimase uNdikhoyo;
ewe, menzele umnikelo ngolibo lwemveliso yakho.
10Ukuba uyayenza le nto ziya kutsho zizale izisele zakho yindyebo;
kanti ke neentsuba zakho ziya kuhlala ziphuphuma yiwayini entsha.
11Mfo wam, musa ukuyidela ingqeqesho kaNdikhoyo,
ungasicekisi isiluleko sakhe.
12Kaloku uNdikhoyo uyamluleka umntu amthandayo,
kwanjengokuba uyise emohlwaya unyana anebhongo ngaye.
13Unenyhweba kambe umntu obufumeneyo ubulumko;
nditsho lowo ukuzuzileyo ukuqonda.
14Kaloku bona ubulumko yingeniso engaphezu kwayo nesiliva;
nditsho negolide ayithathi nto kubo.
15Ewe, bungaphezulu lee nakumatye axabisekileyo.
Kuzo zonke izinto onokuzinqwenela ayikho edlula ubulumko.
16Kaloku isandla sabo sokunene siqhelezela bubomi,
kanti kwesokhohlo buxakathe ubutyebi nesidima.
17Iindlela zabo ziindlela ezimnandi;
ewe, xa zizonke zizisa uxolo.
18Bungumthi wobomi kwababambelela kubo;
bonwabile abo babuzuzileyo.
19Kaloku uNdikhoyo ihlabathi waliseka ngobulumko,
namazulu ngokwawo wawazinzisa ngengqiqo yakhe.
20Bubugcisa bakhe obagqabhuza iinzonzobila,
namafu atsho afukama avuza umbethe.
21Mfo wam, buxabise ubuchule ndawonye nobulumko bokuvisisana;
ezi zinto mazingasitheli emehlweni akho.
22Ziya kukuthi jize ngobomi,
zibe sisihombiso sentamo yakho,
23utsho uhambe ungenaxhala,
unyawo lwakho lungenakukhubeka ntweni.
24Ngokuhlwa uya kungqengqa ungaphaphazeli,
ulale uthi yoyi ubusuku bonke.
25Awuyi kuba sayixhalela intshabalalo equbulayo,
ngokunjalo nesibetho esifikela izikhohlakali.
26Kaloku uNdikhoyo uya kukugcina ukhuselekile;
soze aluyekele unyawo lwakho lungene emgibeni.
27Musa ukwala nento elungileyo konelungelo ngayo,
ngakumbi xa kusemandleni akho ukumnceda.
28Musa ukuthi kummelwane wakho:
“Hamba, uze uphinde ubuye;
ndiya kukunika ngomso,”
kanti unalo uncedo kuwe.
29Ungaze umenzele iyelenqe ummelwane wakho;
kaloku uhlala ngakuwe ekuthembile.
30Musa ukuxabana nomntu ngaphandle kwesizathu,
engakwenzanga nto imbi.
31Musa ukuyilangazelela inzuzo yomntu okhohlakeleyo;
ndaweni yaloo nto zicezele iindlela zakhe.
32Kaloku ulisikizi kuNdikhoyo umntu olitshijolo;
kodwa abathe tye bangamathenjwa akhe.
33UNdikhoyo uwushwabulele umzi womntu okhohlakeleyo;
kanti ke wona umzi welungisa uyawuthamsanqela.
34Ke bona abantu abagxekayo uphoxisa ngabo,
aze abenzele isisa abo bazithobayo.
35Abantu abalumkileyo baya kulidla ilifa udumo;
ke zona iziyatha ziya kwambathwa lihlazo.
Currently Selected:
IZAFOBE 3: XHO96
Qaqambisa
Share
Copy
Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena
© Bible Society of South Africa 1996. Used with permission. All rights reserved.