Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IZAFOBE 24:1-7

IZAFOBE 24:1-7 XHO96

Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo, ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo. Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela, nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu. Indlu yona yakhiwa ngobulumko, izinziswe ngengqondo. Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu, itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo. Umfo osisilumko unamandla; ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela. Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala; uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi. Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha; yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.