IMIZEKELISO 24:1-7
IMIZEKELISO 24:1-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo. Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula. Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo; Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi. Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu; Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi. Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso ensangweni.
IMIZEKELISO 24:1-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Musa ukubamonela abantu ababi, ungakunqweneli ukuba uhlale nabo. Kuba intliziyo yabo ifunda ukubola, nemilebe yabo ithetha kakubi. Indlu yona yakhiwe ngobulumko; izinziswe ngengqondo; Ngokwazi kuzaliswa amaqonga bubutyebi obunqwenelekayo nobunqwenelekayo. Indoda elumkileyo iyomelela; ewe, umntu onolwazi wongeza amandla. Kuba uya kulwa idabi lakho unecebo lobulumko, yaye xa kukho abacebisi abaninzi kukho usindiso. Ubulumko bungaphezu kwesidenge, Abuwuvuli umlomo wabo emnyango.

IMIZEKELISO 24:1-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Musa ukumonela abantu abakhohlakeleyo ngezinto zabo, ungakunqweneli ukuzibandakanya nabo. Kaloku intliziyo yabo iyila ubundlobongela, nomlomo wabo uthetha ngokuvusa uqhushululu. Indlu yona yakhiwa ngobulumko, izinziswe ngengqondo. Lulwazi oluzalisa amagumbi endlu, itsho ivathiswe ngezinto ezintle nezixabisekileyo. Umfo osisilumko unamandla; ewe, indoda enolwazi iya isomelela ngokomelela. Phambi kokuba uye emfazweni hlala phantsi ucwangcise kuqala; uloyiso lungabakho xa unabacebisi abaninzi. Ubulumko yintsokotha kumntu osisiyatha; yena uyalabalaba xa kuxoxwa kwindibano ngasesangweni.
IMIZEKELISO 24:1-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Musa ukubamonela abantu ababi, ungakunqweneli ukuba uhlale nabo. Kuba intliziyo yabo ifunda ukubola, nemilebe yabo ithetha kakubi. Indlu yona yakhiwe ngobulumko; izinziswe ngengqondo; Ngokwazi kuzaliswa amaqonga bubutyebi obunqwenelekayo nobunqwenelekayo. Indoda elumkileyo iyomelela; ewe, umntu onolwazi wongeza amandla. Kuba uya kulwa idabi lakho unecebo lobulumko, yaye xa kukho abacebisi abaninzi kukho usindiso. Ubulumko bungaphezu kwesidenge, Abuwuvuli umlomo wabo emnyango.
IMIZEKELISO 24:1-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Ungabi namona ngabantu abangalungileyo, kanjalo ungakanuki ukuba nabo. Ngokuba intliziyo yabo icamanga ubandezelo, nomlomo wabo uyateta ububi. Indlu iyakiwa ngobulumko; nangengqondo iyaqiniswa: kanjalo ngokwazi inkambili ziya kuzaliswa ngobutyebi bonke obunqabileyo obuhle. Umuntu olumkileyo unamandla; ewe, umntu onokwazi uyomeleza amandla. Ngokuba ngawo amaqinga alumkileyo uya kuzenzela imfazwe; kanjalo kuko ingciniso ebuninzini babacebisi. Ubulumko buyinto epezulu kwihilihili; alivuli umlomo walo esangweni.