Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

IMIZEKELISO 24:1-7

IMIZEKELISO 24:1-7 XHO75

Musa ukubamonela abantu abanobubi; Ungakunqweneli ukuba uhlale nabo. Kuba intliziyo yabo icamanga ukubhuqa, Nomlomo wabo uthetha ngokwaphula. Indlu yona yakhiwa ngobulumko; Izinziswe ngengqondo; Ngokwazi kuzaliswa amaqonga Bubuncwane bonke obunqabileyo nobumnandi. Umfo osisilumko unamandla, Nendoda enokwazi ibonakalisa amandla amakhulu; Ngokuba, úkhokelwé bubulumko, woba nako ukuzilwa iimfazwe zakho; Nosindiso lusebuninzini bamaphakathi. Ubulumko bunqabile kwisimathane; Asiwuvuli umlomo waso ensangweni.