UMARKO 14:1-25

UMARKO 14:1-25 XHO96

Ke kaloku kwakuziintsuku ezimbini phambi *kwePasika *netheko lezonka ezingenagwele. Ke ababingeleli abaziintloko nabachazi-mthetho babefuna iqhinga lokumbamba uYesu, bambulale. Kodwa babesithi: “Oku makungenziwa ngePasika, hleze kubekho isiphithi-phithi.” Kwathi uYesu eseBhetani, esetafileni endlwini kaSimon uZitshangubana, kwafika umntu obhinqileyo, eneqhaga lelitye lelabhastile, linamafutha angangxengwanga axabiso likhulu esiqholo esiyinadusi. Waliqhekeza ke elo qhaga, wathambisa intloko kaYesu ngamafutha lawo. Kwakukho abathile abacaphukáyo, besithi omnye komnye: “Kutheni na ukuba kwenziwe le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Ngethengiswe ngemali engaphezu kweerandi ezingamakhulu amathathu, kwaphiwa amahlwempu.” Baza ke bayikhalazela loo ntokazi. UYesu ke wathi: “Myekeni; nimkhathazelani? Úndenzele into entle. Kaloku amahlwempu lawo nihleli ninawo: nanini na nakuthanda ningawanceda. Mna ke anihleli ninam. Le ntokazi yenze loo nto ibinokuyenza. Umzimba wam iwuthambisele ukungewatywa kwangaphambili. Ndithi kuni, inene, naphi na apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zimnandi kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto iyenzileyo yona, ibe sisikhumbuzo ngayo.” UJudas Sikariyoti, omnye wabafundi abalishumi elinambini, wesuka ke waya kubabingeleli abaziintloko ukuze amnikele kubo uYesu. Bathi bona bakuva bavuya, bamthembisa ngemali. Yena ke wahlala efuna ithuba lokuba amnikele. Ke kaloku ngowokuqala umhla *wetheko lezonka ezingenagwele, xa kwakubingelelwa itakane *lePasika, abafundi bakaYesu bathi kuye: “Ufuna ukuba siye kuyilungiselela phi na iPasika?” Ke wathuma bababini kubafundi bakhe, wathi kubo: “Hambani niye esixekweni. Nodibana nomfo ophethe ingqayi yamanzi. Mlandeleni ke, niye kuloo ndlu angena kuyo, nithi kumnini-mzi: ‘Uthi uMfundisi: “Liphi na igumbi leendwendwe elilungiselelwe mna, apho ndingáyidlela khona iPasika nabafundi bam?” ’ Yena wonibonisa igumbi elikhulu, eliphezulu, linempahla yalo. Lungiselelani apho ke.” Bahamba abo bafundi, baya kungena esixekweni, bafika kunjengoko wayetshilo, bayilungiselela iPasika. Kwakuhlwa, wafika uYesu, enabafundi bakhe abalishumi elinambini. Bakuba behleli besitya, uYesu wathi kubo: “Ndithi kuni, inene, omnye kuni apha, nina nityayo kunye nam, uya kundingcatsha.” Baza ke baba buhlungu, besithi kuye ngabanye ngabanye: “Ngaba iya kuba ndim na? Ngaba iya kuba ndim na?” Waphendula ke wathi kubo: “Iya kuba ngomnye kubafundi abalishumi elinambini, lowo usithi nkxu kunye nam isonka esityeni. Okunene *uNyana woLuntu uyemka, njengoko zitshoyo ngaye *iziBhalo; kodwa hayi loo mntu angcatshwa nguye uNyana woLuntu! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga.” Xa babesitya, uYesu wathatha isonka, wabulela, wasiqhekeza, wabanika, wathi: “Thathani nitye; ngumzimba wam lo.” Wathatha nendebe, wabulela, wabanika, basela kuyo bonke. Wathi ke kubo: “Ligazi lam eli elitywina umnqophiso, eliphalazwa ngenxa yabaninzi. Ndithi kuni, inene, andiyi kuphinda ndisele kwincindi yomdiliya, kude kube yiloo mini ndiyisela intsha kwikomkhulu likaThixo. ”