UMARKO 14:1-25

UMARKO 14:1-25 XHO75

Ke kaloku bekuza kubakho ipasika,• izonka ezingenagwele, emveni kweentsuku ezimbini; baye ke ababingeleli abakhulu nababhali befuna ukuba bangáthini na ukumbamba ngenkohliso, bambulale. Babesithi ke, Makungabi khona ngomthendeleko, hleze kubekho isaqunge sabantu. Kuthe eseBhetani, endlwini kaSimon owayeneqhenqa, akubon' ukuba uhleli, kweza umfazi enehlala lelabhastile,• linamafutha enadusi• engangxengelelweyo, exabiso likhulu; walityumza ihlala elo lelabhastile, wamgalela ngawo entloko. Kwaye ke kukho abathile abacaphukáyo phakathi kwabo, besithi, Yenzelweni na le nkcitho yamafutha aqholiweyo? Kuba la mafutha bekungáthengiswayo ngawo ngenani elingaphezu kweedenariyo• ezimakhulu mathathu, kuphiwe amahlwempu; basuka bamfuthela. Uthe ke uYesu, Myekeni; nimaphulelani na? Usebenzé umsebenzi omhle kum; kuba amahlwempu lawo nihleli ninawo, nize xa sukuba nithanda, nibe nako ukuwenzela okulungileyo; ke mna anihleli ninam. Yena ukwenzile abénako; uphange weza wawuthambisela ukungcwatywa umzimba wam. Inene ndithi kuni, Apho zithe zavakaliswa khona ezi ndaba zilungileyo kulo lonke ihlabathi, iya kuxelwa nayo le nto ayenzileyo yena, ibe sisikhumbuzo ngaye. UYuda Sikariyoti, omnye kwabeshumi elinababini, wesuka waya kubabingeleli abakhulu, ukuba amnikele kubo. Bathi ke bona bakuva bavuya; bambeka ngedinga lokumnika imali. Wayefuna ukuba angáthini na ukumnikela ngexesha elimlungeleyo. Ke kaloku, ngowokuqala umhla wezonka ezingenagwele, xa bekubingelelwa imvana yepasika, bathi kuye abafundi bakhe, Ùnga singaya kulungisa phi na, ukuze uyidle ipasika? Ususa babini kubafundi bakhe, athi kubo, Hambani niye kuwo umzi; nohlangatyezwa ngumntu ethwele umphanda wamanzi; mlandeleni. Apho athe wangena khona, nothi kumninindlu, Uthi uMfundisi, Iphi na indlu yabahambi, apho ndingayidlela khona ipasika nabafundi bam? Yena wonibonisa igumbi eliphezulu, elikhulu, landlelwe lalungiswa; silungiseleleni apho. Baphuma abafundi bakhe abo, baya kungena kuwo umzi, bafumana kunjengoko wayebaxelele, bayilungisa ipasika. Uthi kwakuhlwa, eze nabalishumi elinababini. Bakubon' ukuba bahleli, bayadla, wathi uYesu, Inene, ndithi kuni, omnye kuni aba uya kundingcatsha, lowo ke udla nam. Baqala ke ukuba buhlungu, nokuthi kuye ngabanye, Ingaba ndim, yini na? Nomnye wathi, Ingaba ndim, yini na? Uphendule ke wathi kubo, Ngomnye kwabeshumi elinababini, lowo ke uthi nkxu nam esityeni. UNyana woMntu uyemka okunene, njengoko kubhalwe ngaye; yeha ke, loo mntu uNyana woMntu angcatshwa nguye! Ngekumlungele ukuba ebengazalwanga loo mntu. Bakubon' ukuba bayadla, uYesu wathabatha isonka, wasikelela, waqhekeza, wabanika, wathi, Thabathani nidle; ngumzimba wam lo. Wayithabatha nendebe, wabulela, wabanika; basela kuyo bonke. Wathi kubo, Ligazi lam eli lomnqophiso omtsha, eliphalala ngenxa yabaninzi. Inene ndithi kuni, Andisayi kubuya ndisele esiqhameni somdiliya, kude kube yiloo mini sukuba ndisisela sisitsha ebukumkanini bukaThixo.