wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi: “Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka, ke nina senikhulile, niziingwevu, nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala, ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo. Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’ Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’ Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini, ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu. Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko, kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.
Funda UYOBI 32
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UYOBI 32:6-9
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo