UYOBHI 32:6-9
UYOBHI 32:6-9 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Wasusela uElihu unyana kaBharakeli, wakwaBhuzi, wathi, Ndimncinane mna ngemihla, Ke nina niziingwevu; Ngenxa yoko ndakhwelela phaya, ndoyika ukunityela ukwazi kwam. Ndathi, Imihla mayithethe, Iminyaka emininzi yazise ubulumko. Noko ngumoya osemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla okubaqondisayo. Ukulumka àkunábakhulu, Ukuqonda okufaneleyo àkunámadoda makhulu odwa.
UYOBHI 32:6-9 IBHAYIBHILE (XHO96)
wangenelela ke yena uElihu unyana kaBharakeli waseBhuzi, wathi: “Kambe ke ndiyimveku ngeminyaka, ke nina senikhulile, niziingwevu, nto leyo ke esuke yanditsho ndamathidala, ndoyika ukuphuhlisa olwam uluvo. Ndithe: ‘Mandiyekel' iminyak' isiphakele.’ Bendisithi: ‘Izilimela zingasiph' ubulumko.’ Kambe ke ngoku ndiyaqonda ukuba ngumoya osemntwini, ewe, lifuthe likaSomandla elimthi jize ngokuqonda umntu. Hayi, abuyi ngaminyaka ubulumko, kungayi nangabudala ukuqonda imfanelo.
UYOBHI 32:6-9 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Waphendula uElihu, unyana kaBharageli, kaBhushe, wathi, Ndimncinane mna, ke nina nibadala kunene; ngoko ndandisoyika yaye ndandingenaso isibindi sokuvakalisa iimvakalelo zam. Ndathi, Kukho imihla yokuthetha, Neminyaka emininzi iya kufundisa ubulumko. Noko umoya usemntwini, Nokuphefumla kukaSomandla kuqondisa. Amadoda amakhulu akasoloko elumkile, namadoda amakhulu akakuqondi okusesikweni.
UYOBHI 32:6-9 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Waza wapendula u‐Elihu unyana ka‐Barakeli um‐Buze, wati: Mna ke imihla yam mincinane, kodwa nina ningamaxego; ngako oko bendindweba, ndoyika ukunityela isicamango sam. Ndati: Imihla inge iteta, nobuninzi beminyaka bunge busazisa ubulumko. Kodwa kuko umoya emntwini; nokupefumla KWOSOMANDLA kuyabanika ingqondo. Asi ngabo abakulu abalumkileyo; asi ngabo abadala abaqonda okufaneleyo.