Ke izicaka ezazimququzelela ukumkani zathi kuye: “Makhe kwenziwe uphando, kukhangelelwe ukumkani iintombi-nto ezintle kunene. Ukumkani makamisele abaphathi kwiphondo ngalinye elikumbuso wakhe, baze ke ezo nzwakazi zeentombi bazizise kwinkundla yabafazi ebhotwe eSusa. Zona ezo ntombi mazigcinwe nguHegayi iphakathi likakumkani elijongene nabafazi. Zothatha ithuba ke zizilungisa ngezithambiso zobuhle. Ke intombi ethe yamkholisa ukumkani yoba ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashiti.” Eli cebiso ke lamkeleka kukumkani, waza walisebenzisa. Ke kaloku apho komkhulu eSusa kwakukho umJuda wendlu kaBhenjamin ogama linguModekayi unyana kaJayire, kaShimeyi, kaKishe. Yena ke wathinjwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem waya naye eBhabheli engomnye wâbo babethinjwe noJoyakin ukumkani wakwaJuda. UModekayi lo ke wayenomzala ogama linguHadasa awayeze naye apho eBhabheli kuba eyinkedama engenatata namama. Le ntombi ke, egama limbi lalinguEstere, yayimile kakuhle iyinzwakazi. UModekayi lo ke wayithatha njengomntwana wakhe yakuba iswelekelwe nguyise nonina.
Funda UESTERE 2
Share
Compare All Versions: UESTERE 2:2-7
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Home
Bible
Plans
Videos