UESTERE 2:2-7
UESTERE 2:2-7 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Athi amadodana akwakumkani abelungiselela kuye, Ukumkani makafunelwe iintombi eziseziintombi, ezimbonakalo intle. Ukumkani makayalele abaphathi emazweni onke obukumkani bakhe, bahlanganise zonke iintombi eziseziintombi, ezimbonakalo intle, bazizìse eShushan komkhulu, endlwini yabafazi, phantsi kwesandla sikaHegayi, ithenwa lokumkani, umgcini wabafazi, zinikwe izinto zokuthambisa. Ize ithi intombi ethe yalunga emehlweni okumkani, ibe ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashti. Lalunga elo lizwi emehlweni okumkani; wenjenjalo ke. Kwakukho ke eShushan komkhulu indoda engumYuda, egama linguMordekayi, unyana kaYahire, unyana kaShimehi, unyana kaKishe, indoda engumBhenjamin; eyayithinjiwe eYerusalem nabathinjwa, ababethinjwe noYekoniya ukumkani wakwaYuda, owathinjwa nguNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli. Yaye ingumondli kaHadasa (nguEstere ke lowo), intombi kayisekazi; ngokuba ebengenayise nanina. Intombi leyo yayimile kakuhle, intle nasebusweni. Emva kokufa kukayise nonina, uMordekayi wayithabatha yaba yintombi yakhe.
UESTERE 2:2-7 IBHAYIBHILE (XHO96)
Ke izicaka ezazimququzelela ukumkani zathi kuye: “Makhe kwenziwe uphando, kukhangelelwe ukumkani iintombi-nto ezintle kunene. Ukumkani makamisele abaphathi kwiphondo ngalinye elikumbuso wakhe, baze ke ezo nzwakazi zeentombi bazizise kwinkundla yabafazi ebhotwe eSusa. Zona ezo ntombi mazigcinwe nguHegayi iphakathi likakumkani elijongene nabafazi. Zothatha ithuba ke zizilungisa ngezithambiso zobuhle. Ke intombi ethe yamkholisa ukumkani yoba ngukumkanikazi esikhundleni sikaVashiti.” Eli cebiso ke lamkeleka kukumkani, waza walisebenzisa. Ke kaloku apho komkhulu eSusa kwakukho umJuda wendlu kaBhenjamin ogama linguModekayi unyana kaJayire, kaShimeyi, kaKishe. Yena ke wathinjwa ngukumkani uNebhukadenezare eJerusalem waya naye eBhabheli engomnye wâbo babethinjwe noJoyakin ukumkani wakwaJuda. UModekayi lo ke wayenomzala ogama linguHadasa awayeze naye apho eBhabheli kuba eyinkedama engenatata namama. Le ntombi ke, egama limbi lalinguEstere, yayimile kakuhle iyinzwakazi. UModekayi lo ke wayithatha njengomntwana wakhe yakuba iswelekelwe nguyise nonina.
UESTERE 2:2-7 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Bathi abakhonzi bokumkani ababelungiselela kuye, Ukumkani makafunelwe iintombi ezinyulu. Ukumkani makanyule abaphathi kuwo onke amaphondo obukumkani bakhe, ukuba bahlanganise zonke iintombi ezinyulu ezibukekayo endlwini yasebukhosini endlwini yabafazi, phantsi kwesandla sikaHege, umlindi wendlu kakumkani, umlindi wendlu kakumkani, banikwa izinto zabo ezihlambulukileyo. Yaye intombi ekholekileyo kukumkani mayibe yinkosikazi esikhundleni sikaVasheti. Yalunga loo nto kukumkani; Yaye wenjenjalo. Ke kaloku kwakukho indoda engumYuda eShushan komkhulu, egama linguMordekayi, unyana kaYayiro, unyana kaShimehi, unyana kaKishe, umBhenjamin; owayethatyathelwe ekuthinjweni eYerusalem nabathinjwa uYekoniya, ukumkani wakwaYuda, lowo uNebhukadenetsare ukumkani waseBhabhiloni wabathabatha waya ekuthinjweni. Nguye owayekhulisa uHadasa, oko kukuthi, uEstere, intombi kayisekazi; ngokuba ebengenayise nanina; kwathi ekufeni kukayise nonina uMordekayi wayithabatha yaba yintombi yakhe.
UESTERE 2:2-7 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Zaza izicaka zokumkani ezamkonzayo zati kuye: Makufunelwe ukumkani intombi zipela, ezintle ukubonakala kwazo: makamise ukumkani amagosa kuwo onke amazwana obukumkani bake, ukuba ahlanganisele e‐Shushane komkulu zonke intombi zipela ezintle ukubonakala kwazo, endlwini yamankazana, ngapantsi kwesandla sika‐Hegai umbusi wokumkani, umgcini wamankazana; kanjalo makunikwe izinto zokuhlanjululwa kwazo: iti intombi elungileyo emehlweni okumkani ibe ngukumkanikazi esikundleni sika‐Vashiti. Yabilungile londawo emehlweni okumkani: wenje njalo ke. Kwaye kuko e‐Shushane komkulu indoda engum‐Juda, egama lingu‐Modekai, unyana ka‐Yahire, unyana kaShimehi, unyana ka‐Kishe, um‐Benjamine; ebifudusiwe e‐Yerusaleme kunye nabatinjwa abebefudusiwe no‐Yekoniya ukumkani wo‐Juda, lowo u‐Nebukanetsare ukumkani wase‐Babilone wamfudusayo. Yati ke yona yamondla u‐Hadasa, (okwa nguye u‐Esetere, intombi yoyisekazi wayo,) ngokuba ebengenayise nonina: intombi leyo ibintle nangesimilo nangokubonakala, owati u‐Modekai, xeshekweni bebefile uyise nonina, wayitabata ibe yintombi yake.