AMAVA ENGQONDI 5:1-2

AMAVA ENGQONDI 5:1-2 XHO96

Lumka, ugqale ukunyathela kwakho xa usiya endlwini kaThixo. Xa usiya khona hamba ngeenjongo zokuphulaphula endaweni yokwenza amadini njengezityhakala ezingaziyo ukuba zenza ubugwenxa. Qiqa phambi kokuba uthethe; musa ukungxama ukwenza izithembiso kuThixo. Kaloku yena usezulwini, ube ke wena ulapha emhlabeni; ngoko ke amazwi akho makabe mbalwa.