Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo. Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
Funda UMATEYU 7
Yabelana
Thelekisa Zonke Iinguqulelo: UMATEYU 7:24-29
3 Iintsuku
Olu nqulo luphonononga isiseko sezibhalo, ukubaluleka komoya, kunye nokusetyenziswa okubonakalayo kwendlu eyakhiwe phezu kolwalwa oluqinileyo. Usuku ngalunye lugxininisa kumbandela obalulekileyo wale ngcamango, lunika ukuqonda ukuba kuthetha ukuthini na ukuseka ubomi obuzinze kuKristu.
Gcina iivesi, funda ngaphandle kwe intanethi, bukela iividiyo zokufundisa, kunye nokunye!
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo