Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

uMateyu 7:24-29

uMateyu 7:24-29 CXB24

Ngoko ke wonke umntu owevayo la mazwi am, awenze, uya kufaniswa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, uya kufaniswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza nemimoya, yagaleleka kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ukuwa kwayo. Ke kaloku kwathi, xeshikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa izihlwele yimfundiso yakhe; kuba ebebafundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.