UMATEYU 7:24-29

Wonke umntu osukuba ngoko eweva la mazwi am, awenze, ndomfanekisa nendoda eyingqondi, yona yayakhelayo elulwalweni indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yagaleleka kuloo ndlu; ayawa, kuba ibisekelwe elulwalweni. Nomntu wonke owevayo la mazwi am, angawenzi, wofanekiswa nendoda esisiyatha, yona yayakhelayo entlabathini indlu yayo. Yehla imvula, yeza imilambo, yavuthuza imimoya, yabetha kuloo ndlu; yawa; saba sikhulu ke isiwo sayo. Kuthe ke, xenikweni uYesu ebewagqibile la mazwi, zakhwankqiswa iindimbane kukufundisa kwakhe; kuba ebezifundisa njengonegunya, engafundisi njengabo ababhali.
UMATEYU 7:24-29