KUMAGALATI 4:8-31

KUMAGALATI 4:8-31 XHO75

Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo; ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe. Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani. Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu, bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani. Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga. Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo; Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda. (UIsaya 54:1) Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. Síthini na ke sona isibhalo? Síthi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.