KUMAGALATI 4:8-31
KUMAGALATI 4:8-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kaloku, naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo. Ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam; ngokuba ndinjengani; anindenzanga nto konke konke. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe. Luphi na ngoko ubabalo enanithetha ngalo? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? Bayanizondelela, ingekuko okulungileyo; ewe, bathanda ukunivalela ngaphandle, ukuze nibachaphazele bona. Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. Bantwanana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu; bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; kuba ndiyathandabuza ngani. Ndixeleleni, nina nithanda ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. Kodwa lowo wekhobokazana wayezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayephume ngalo idinga. Eziyintsonkotha ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini; Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo. Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda. Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. Sithini na ke sona isibhalo? Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. Ngoko ke, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
KUMAGALATI 4:8-31 IZIBHALO EZINGCWELE (XHO75)
Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo; ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe. Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani. Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu, bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani. Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga. Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo; Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda. (UIsaya 54:1) Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. Síthini na ke sona isibhalo? Síthi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
KUMAGALATI 4:8-31 IBHAYIBHILE (XHO96)
Mandulo, ngokuya naningamazi uThixo, nanibopheleleke kwizinto ezingenguye uThixo. Kodwa ngoku nimaziyo uThixo – gxebe, ngoku naziwayo nguThixo – kutheni ukuba niphindele kwezo zithethe zingento, ziphuthileyo? Ngani ukuba niphinde nizikhobokise ngazo? Ngoku senihlonipha iintsuku, neenyanga, namaxesha, neminyaka ethile! Ndisuka ndibe nexhala, hleze kuthi kanti ndifané ndabulaleka ngani. Ndiyanibongoza, mawethu, yibani njengam; kaloku nam ndikwanjengani. Zange nindone nganto. Niyazi ukuba ndandingenampilo ukuqala kwam ukushumayela iindaba ezimnandi apha kuni; kaloku ndandigula. Kodwa zange nindicekise okanye nindibukule, nangona ndandikwimeko enkenenkene kangako. Koko nandamkela ngendlela enaniya kusamkela ngayo isithunywa sikaThixo; nandamkela ngendlela enaniya kumamkela ngayo uYesu Krestu. Naninemincili kangaka nje! Konakele phi ngoku? Nam ngokwam ndiyangqina ndithi: Ukuba kwakunokwenzeka, ngenanikrolonqe nawenu amehlo nawanika mna. Ngaba kukuthetha kwam inyaniso oku kundenze ndalutshaba kuni? Aba bantu ndithetha ngabo bangathi banikhathalele, kanti ke iinjongo zabo azintle konke. Kuphela into abayifunayo kukunahlukanisa nam, khon' ukuze nibe ngamaphuth' ahlathi-nye nabo. Kuyinto entle ukuzixhamla komntu ngeenjongo ezilungileyo – ubunyaniso baloo nto buhlala buhleli nokuba andikho mna phakathi kwenu. Bantwana bam endibathandayo, ndiyaphinda ndiva intlungu kwakhona ngenxa yenu, kanye oku komfazi osikwa yinimba. Ndophumla sakwakheka isimilo sikaKrestu kuni. Andinqweni ngako ukunga ndingalapho kuni ngoku, khon' ukuze nive kwangelizwi eli lam ixhala endinalo; kaloku ndiyanoyikisela. Mandikhe ndibuze kwabo bafuna ukuba phantsi *komthetho kaMosis: Aniyiva na into ethethwa ngumthetho? Umthetho uthi uAbraham wayenoonyana ababini; omnye wayengunyana wesicakazana esilikhoboka, omnye engunyana womfazi wekhaya. Lo nyana wesicakazana yena wazalwa ngendlela azalwa ngayo wonke umntu, kodwa yena unyana womfazi wekhaya wazalwa ngenxa yesithembiso sikaThixo. Ngumfanekiso nje lo: aba bafazi babini bafuzisela iminqophiso emibini; omnye (uHagare ukutsho) uvela entabeni yeSinayi, obantwana bazalelwa ebukhobokeni. UHagare ufuzisela intaba yeSinayi kwelama-Arabhu, ekwafanekisa le dolophu yaseJerusalem ikhoyo ngoku, esebukhobokeni nabemi bayo bonke. Eyasezulwini yona iJerusalem ezayo ikhululekile, yaye ingumama wethu. Kuba *iziBhalo zithi: “Vuya, wena ludlolwazana! Memelela ngemincili, wena ungazange wayiva inimba! Kuba umfazi owalahlwa yindoda woba nabantwana abaninzi kunalowo uhlala nendoda yakhe.” Nina ke ngoku, mawethu, ningabantwana bakaThixo ngenxa yesithembiso, kanye njengokuba noIsake wayengumntwana wesithembiso. Ngelo xesha unyana owazalwa ngendlela eqhelekileyo wamtshutshisa unyana owazalwa ngamandla oMoya kaThixo; kusenjalo ke nangoku. Kodwa ke zithini iziBhalo? Zithi: “Sikhuphele ngaphandle isicakazana esilikhoboka kunye nonyana waso; kaloku unyana wesicakazana makangalidli ilifa nonyana womfazi wekhaya.” Ke thina, mawethu, asingobantwana besicakazana esilikhoboka, singabomfazi wekhaya, oko kukuthi singabakhululekileyo.
KUMAGALATI 4:8-31 Contemporary Xhosa Bible 2024 (CXB24)
Kaloku, naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo. Ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nenza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu. Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam; ngokuba ndinjengani; anindenzanga nto konke konke. Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe. Luphi na ngoko ubabalo enanithetha ngalo? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? Bayanizondelela, ingekuko okulungileyo; ewe, bathanda ukunivalela ngaphandle, ukuze nibachaphazele bona. Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. Bantwanana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu; bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; kuba ndiyathandabuza ngani. Ndixeleleni, nina nithanda ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. Kodwa lowo wekhobokazana wayezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayephume ngalo idinga. Eziyintsonkotha ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini; Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo. Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. Kuba kubhaliwe kwathiwa, Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo; Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba; ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda. Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. Sithini na ke sona isibhalo? Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. Ngoko ke, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.
KUMAGALATI 4:8-31 Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard) (XHO1902A)
Kodwa oko okunene, ningamazi nje UTIXO, nakonza abo bangengotixo ngemvelo. Kodwa kaloku, nakuba nimazile UTIXO, ewe pezu kwoku nakuba naziwe NGUTIXO, yinina ukuba nibuya niguqukele kwezoziqalelo ezibutataka ezibuhlwempu, enifuna ukuzikonza kanjako ngokutsha? Niyaku̔tala ukugcina imihla, nenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndinokwoyika ngani, ukuba kungati ndifumane ndanisebenzela. Ndiyanitandaza, bazalwana! yibani njengam, kuba nam ndiba njengani. Anandona nganto. Ewe niyazi ukuba bekungenxa yobulwelwe benyama yam endayishumayela ivangeli kuni matanci: nesilingo sam esibe sisenyameni yam anasidela, anasicekisa nokusicekisa; koko nandamkelayo njengengelosi KATIXO, njengo‐Kristu Yesu. Bebubobanina ngoko ubutamsanqa enati ninabo? kuba ndininqi̔nela okokuba ninge nite, ukuba bekusenzeka, nawadonyula amehlo enu, nawapa mna. Ndize ndaba lutshaba lwenu na, ndinitetela inyaniso nje? Bayanizondelela ke, kungengandawo efanelekileyo; ewe bayafuna ukunivalela ngapandle, ukuze nibazondelele bona. Kodwa kulungile ukuba kuzondelelelwe ngokufanelekileyo ngamaxesha onke, kungekokuya ndikoyo kuni kodwa. Lusatshana lwam! endinenimba yokunizala kanjako, ade u‐Kristu afanekiselwe kuni, bendingatandayo okunene ukubako kuni kaloku, nokuguqula ilizwi lam, kuba ndixakekile ngani. Ndixeleleni, nina nitandayo ukuba ngapantsi kwomteto, aniwuva na umteto? Ngokuba kuba̔liwe ukuba u‐Abrahame ebenonyana ababini; omnye ngekobokakazi, nomnye ngomfazi okululekileyo. Koko lowo wekobokakazi ebezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okululekileyo wazalwa ngalo idinga. Eziti ezizinto zitetwa ngokulinganisela: ngokuba ababafazi bezingcebano ezimbini; olunye luvela entabeni ye‐Sinai, luzalela ubukoboka, oluti lona lungu‐Hagare: (ngokuba eligama u‐Hagare liyintaba ye‐Sinai e‐Arabi:) kanjalo uyalungelelana ne‐Yerusaleme ekoyo ngoku, eti ke ikonze ndawonye nabantwana bayo. Kodwa i‐Yerusaleme epezulu ikululekile, eti yona inguma̔ wetu sonke. Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Vuya, ludlolokazi olungazaliyo! gqabuka udanduluke, wena ungenanimba! kuba bebaninzi abantwana balowo oyedwa ngapezu kwabalowo onendoda. Kodwa tina, bazalwana! njengokuba u‐Yisake ebenjalo, singabantwana bedinga. Kuloko njengokuba oko lowo ubezelwe ngokwenyama watshutshisa lowo ubezelwe ngo KWOMOYA, kukwa njalo nakaloku. Noko siti nina isiba̔lo? Gxota ikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana wekobokakazi engasayi kulidla ilifa ndawonye nonyana womfazi okululekileyo. Ngako ke, bazalwana! asingabantwana bekobokakazi, singabake umfazi okululekileyo.