Uphawu lweYouVersion
Khetha Uphawu

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 4:8-31

Incwadi ka‐Paulusi kuma‐Galati 4:8-31 XHO1902A

Kodwa oko okunene, ningamazi nje UTIXO, nakonza abo bangengotixo ngemvelo. Kodwa kaloku, nakuba nimazile UTIXO, ewe pezu kwoku nakuba naziwe NGUTIXO, yinina ukuba nibuya niguqukele kwezoziqalelo ezibutataka ezibuhlwempu, enifuna ukuzikonza kanjako ngokutsha? Niyaku̔tala ukugcina imihla, nenyanga, namaxesha, neminyaka. Ndinokwoyika ngani, ukuba kungati ndifumane ndanisebenzela. Ndiyanitandaza, bazalwana! yibani njengam, kuba nam ndiba njengani. Anandona nganto. Ewe niyazi ukuba bekungenxa yobulwelwe benyama yam endayishumayela ivangeli kuni matanci: nesilingo sam esibe sisenyameni yam anasidela, anasicekisa nokusicekisa; koko nandamkelayo njengengelosi KATIXO, njengo‐Kristu Yesu. Bebubobanina ngoko ubutamsanqa enati ninabo? kuba ndininqi̔nela okokuba ninge nite, ukuba bekusenzeka, nawadonyula amehlo enu, nawapa mna. Ndize ndaba lutshaba lwenu na, ndinitetela inyaniso nje? Bayanizondelela ke, kungengandawo efanelekileyo; ewe bayafuna ukunivalela ngapandle, ukuze nibazondelele bona. Kodwa kulungile ukuba kuzondelelelwe ngokufanelekileyo ngamaxesha onke, kungekokuya ndikoyo kuni kodwa. Lusatshana lwam! endinenimba yokunizala kanjako, ade u‐Kristu afanekiselwe kuni, bendingatandayo okunene ukubako kuni kaloku, nokuguqula ilizwi lam, kuba ndixakekile ngani. Ndixeleleni, nina nitandayo ukuba ngapantsi kwomteto, aniwuva na umteto? Ngokuba kuba̔liwe ukuba u‐Abrahame ebenonyana ababini; omnye ngekobokakazi, nomnye ngomfazi okululekileyo. Koko lowo wekobokakazi ebezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okululekileyo wazalwa ngalo idinga. Eziti ezizinto zitetwa ngokulinganisela: ngokuba ababafazi bezingcebano ezimbini; olunye luvela entabeni ye‐Sinai, luzalela ubukoboka, oluti lona lungu‐Hagare: (ngokuba eligama u‐Hagare liyintaba ye‐Sinai e‐Arabi:) kanjalo uyalungelelana ne‐Yerusaleme ekoyo ngoku, eti ke ikonze ndawonye nabantwana bayo. Kodwa i‐Yerusaleme epezulu ikululekile, eti yona inguma̔ wetu sonke. Ngokuba kuba̔liwe ukuti: Vuya, ludlolokazi olungazaliyo! gqabuka udanduluke, wena ungenanimba! kuba bebaninzi abantwana balowo oyedwa ngapezu kwabalowo onendoda. Kodwa tina, bazalwana! njengokuba u‐Yisake ebenjalo, singabantwana bedinga. Kuloko njengokuba oko lowo ubezelwe ngokwenyama watshutshisa lowo ubezelwe ngo KWOMOYA, kukwa njalo nakaloku. Noko siti nina isiba̔lo? Gxota ikobokakazi nonyana walo; ngokuba unyana wekobokakazi engasayi kulidla ilifa ndawonye nonyana womfazi okululekileyo. Ngako ke, bazalwana! asingabantwana bekobokakazi, singabake umfazi okululekileyo.