KUMAGALATI 4

4
Ubunyana kuThixo ngokukholwa kuKristu
1Ndithi ke, indlalifa, ngexesha lonke engumntwana, ayahluke nganto kumkhonzi, nakuba iyinkosi yeento zonke; 2iphantsi kwabagcini namagosa, kude kufike ixesha elimiswe ngaphambili nguyise.
3Ngokunjalo nathi, xenikweni besingabantwana, besingamakhoboka aphantsi kweziqalelo zehlabathi. 4Lithe ke lakuzaliseka ixesha, uThixo wamkhupha weza uNyana wakhe, othe wazalwa ngumntu oyinkazana; ethe wazalelwa phantsi komthetho, 5ukuze abakhulule ngokubathenga abaphantsi komthetho, ukuze sikuzuze ukwenziwa oonyana. 6Ngokuba ke ningoonyana, uThixo wamkhupha uMoya woNyana wakhe, weza ezintliziyweni zenu, edanduluka esithi, Abha,• Bawo. 7Ngoko ke àkusengumkhonzi, ungunyana; ukuba ke ungunyana, ukwayindlalifa kaThixo ngoKristu.
UPawulos ubongoza abaguqukileyo ukuba bangaxibiliki
8Kanti okunene, oko naningamazi uThixo, nanikhonza kwabo ngemvelo bangethixo; 9ngoku ke, nakuba nimazile uThixo, hayi kanye mandithi, nakuba naziwe nguThixo, nènza ntoni na ukubuya niguqukele kwiziqalelo ezingenamandla, ezingenaluncedo, enithanda ukubuya nikhonze zona ngokutsha? 10Nimana nigcina imihla, neenyanga, namaxesha, neminyaka. 11Ndiyanoyikela, hleze ndibe ndifumane ndabulaleka ngenxa yenu.
12Ndiyanikhunga, bazalwana, yibani njengam, ngokuba nam ndaba njengani; anindonanga nganto. 13Niyazi ke ukuba bekungenxa yokuswela amandla kwenyama yam, ukunishumayeza kwam iindaba ezilungileyo ngokokuqala. 14Ukulingwa kwam okwakusenyameni yam, anikwenzanga into engento, anikucekisanga nina nokukucekisa; nesuka nandamkela njengesithunywa sikaThixo, njengoKristu Yesu ngokwakhe.
15Kwabe kuyintoni na ngoko ukuziyolisa kwenu? Kuba ndiyaningqinela, ukuba bekunokwenzeka, ninge nawakrukrayo amehlo enu, nandinika. 16Ndisuke ndaba lutshaba lwenu na ke, ngokuthetha inyaniso kuni? 17Bayanincekelela ngokungekuhle; basuka bathande ukunivalela phandle, ukuze nibancekelele nani. 18Kuhle ke ukuba kuncekelelwe ngamaxesha onke entweni entle, kunganeli ukuba njalo ndakuba ndikho kuni. 19Bantwana bam, endibuye ndanenimba ngabo, ade uKristu amiliswe ngaphakathi kwenu, 20bendithanda ke ukubakho kuni ngoku, ndilenze libe lilimbi ilizwi lam; ngokuba ndiyathingaza ngani.
Umfuziselo ovela kwiTestamente eNdala
21Ndixeleleni, nina nithandayo ukuba phantsi komthetho, aniwuva na umthetho? 22Kuba kubhaliwe kwathiwa, uAbraham wayenoonyana ababini: omnye engowekhobokazana, omnye engowomfazi okhululekileyo. 23Waye okunene lowo wekhobokazana ezelwe ngokwenyama; kodwa lowo womfazi okhululekileyo wayezelwe ngalo idinga. 24Eziyintsonkotha zona ezo zinto; kuba aba bayiyo iminqophiso emibini. Omnye uvela entabeni yeSinayi, uzalela ebukhobokeni, onguHagare ke wona lowo; 25Kuba loo nto inguHagare yiSinayi, intaba ekwelama-Arabhi, elungelelene neYerusalem yakalokunje, esebukhobokeni ke nabantwana bayo. 26Ke yona ephezulu iYerusalem ikhululekile, enguma wethu leyo. 27Kuba kubhaliwe kwathiwa,
Yiba nemihlali, ludlolo lungazaliyo;
Gqabhuka umemelele, wena ungenanimba;
Ngokuba baninzi abantwana besishiywa, ngaphezu kwabonendoda.
(UIsaya 54:1)
28Thina ke, bazalwana, ngokokukaIsake, singabantwana bedinga. 29Kusuke, kwanjengokuba wayesithi oko owazalwa ngokwenyama amtshutshise owazalwa ngokoMoya, kwaba njalo nakaloku. 30Síthini na ke sona isibhalo? Síthi, Likhuphele phandle ikhobokazana nonyana walo; kuba unyana wekhobokazana akasayi kuba ndlalifa kunye nonyana wokhululekileyo. 31Ngoko, bazalwana, asingabantwana bekhobokazana thina; singabowokhululekileyo.

Currently Selected:

KUMAGALATI 4: XHO75

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena