1
KumaGalati KumaGalati 6:9
Contemporary Xhosa Bible 2024
Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi.
Thelekisa
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:9
2
KumaGalati KumaGalati 6:10
Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo.
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:10
3
KumaGalati KumaGalati 6:2
Thwalisanani ubunzima, xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu.
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:2
4
KumaGalati KumaGalati 6:7
Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa; kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:7
5
KumaGalati KumaGalati 6:8
ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni.
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:8
6
KumaGalati KumaGalati 6:1
Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkele, ukuze ungahendwa nawe.
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:1
7
KumaGalati KumaGalati 6:3-5
Kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa. Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye; Kaloku wonke umntu uya kuwuthwala owakhe umthwalo.
Phonononga KumaGalati KumaGalati 6:3-5
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo