KumaGalati KumaGalati 6

KumaGalati 6
1Bazalwana, ukuba umntu uthe waqutyulwa nokuqutyulwa sisiphoso esithile, nina bangaboMoya, mlulekeni onjalo ninomoya wobulali; uzilumkele, ukuze ungahendwa nawe. 2Thwalisanani ubunzima, xa nenjenjalo ke nithobela umyalelo kaKrestu. 3Kuba umntu, ukuba uba uyinto, engento, uyazikhohlisa. 4Elowo ke makawucikide owakhe umsebenzi, wayeya kwandula ukuba neqhayiya ngokwakhe yedwa, angabi nalo ngomnye; 5Kaloku wonke umntu uya kuwuthwala owakhe umthwalo. 6Makathi ke lowo ufundiswayo ilizwi, abelane nalowo ufundisayo ngeento zonke ezilungileyo. 7Musani ukulahlekiswa; uThixo yena asingowokuhlekisa; kuba into athe wahlwayela yona umntu, wovuna kwayona; 8ngokuba lowo uhlwayelela eyakhe inyama, wovuna ukonakala ngokwasenyameni; lowo uhlwayelela uMoya ke, wovuna ubomi obungunaphakade ngokwaseMoyeni. 9Ke ekwenzeni okulungileyo masingethi amandla; kuba sovuna ngexesha elililo, ukuba asityhafi. 10Njengoko singathi sibe nethuba, masisebenze okulungileyo kubo bonke, ngokukodwa ke kwabendlu yokholo. 11Bonani ukuba kukhulu kokubhala endinibhalele ngako ngesam isandla. 12Bonke abathanda ukuba babe nesimilo esihle ngokwangaphandle, abo ke baninyanzela ukuba naluswe; benzela nje kodwa ukuze bangatshutshiswa ngawo umnqamlezo kaKristu. 13Kuba kwanabo balukayo, bengawubambi umthetho; bafuna nje ukuba nalùswe, ukuze baqhayise ngeyiyeyenu inyama. 14Kodwa mna mandingakhe ndiqhayise nganto, ingenguwo umnqamlezo weNkosi yethu uYesu Krestu, ekuthe ngaye ihlabathi kum labethelelwa emnqamlezweni, ndathi nam kwihlabathi ndabethelelwa emnqamlezweni. 15Kuba kwabakuKristu Yesu, akunamandla anto ukwaluka nokungaluki; into enamandla sisidalwa esitsha. 16Nabani na ohamba ngalo mgaqo ndimnqwenelela uxolo nenceba, kunye nalo lonke usapho lukaThixo – nguSirayeli omtsha ke lowo. 17Elokugqiba ndithi, Makungabikho namnye undixhamlayo; kuba mna, iimpawu zeNkosi uYesu ndiziphethe ngomzimba wam. 18Ubabalo lweNkosi yethu uYesu Krestu malube nomoya wenu, mawethu. Amen. (KwabaseGalati ibhalwe eRoma.)

Qaqambisa

Share

Copy

None

Ufuna ukuba iimbalasane zakho zigcinwe kuzo zonke izixhobo zakho? Bhalisela okanye ngena