1
Imibalo 21:8
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Wayesiti UYEHOVA ku‐Mosesi: Yenza inyoka ebumliloṙa, umise yona pezu kwesibonda eside; kwakuya kuti, osukuba elunyiwe, akuyibonela, wopila.
Thelekisa
Phonononga Imibalo 21:8
2
Imibalo 21:9
Wandula u‐Mosesi wenza inyoka yexina, wayimisa pezu kwesibonda eside; kwaye kute, nxa inyoka ilumile umntu, waza wakangela enyokeni yexina, wapila ke.
Phonononga Imibalo 21:9
3
Imibalo 21:5
Basuka bateta abantu ngakuye UTIXO nangakuye u‐Mosesi, bati: Kunganina lento nisinyusileyo e‐Jipete ukuza kufa kulentlango? ngokuba kungeko isonka, kungeko namanzi; uti umpefumlo wetu usitiye esisonka silikapukapu.
Phonononga Imibalo 21:5
4
Imibalo 21:6
Waza UYEHOVA watuma inyoka ezibumliloṙa pakati kwabantu, ezibe ziluma abantu; bafa ke abantu abaninzi bakwa‐Sirayeli.
Phonononga Imibalo 21:6
5
Imibalo 21:7
Ngako abantu beza ku‐Mosesi, bati: Sonile, ngokuba sitetile NGAKUYEHOVA nangakuwe; tandaza KUYEHOVA, ukuba asuse kuti ezinyoka. Waza u‐Mosesi wabatandazela abantu.
Phonononga Imibalo 21:7
Home
Bible
Plans
Videos