1
I‐Levitikusi 26:12
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Ndiya kuhamba pakati kwenu, ndibe NGUTIXO kuni, noti nina nibe ngabantu kum.
Thelekisa
Phonononga I‐Levitikusi 26:12
2
I‐Levitikusi 26:4
ndiya kwandula ndiyinise imvula yenu ngexesha layo; woti umhlaba unike ukuhluma kwawo, nemiti yasendle inike ukuqa̔ma kwayo
Phonononga I‐Levitikusi 26:4
3
I‐Levitikusi 26:3
Ukuba niyahamba ngemimiso yam, nigcine nemiyalelo yam, niyenze nokuyenza
Phonononga I‐Levitikusi 26:3
4
I‐Levitikusi 26:6
Kanjalo ndonika uxolo elizweni, nize, niti tyambalala, kungeko oya kunitusa: ndandiya kupelisa amaṙamncwa elizweni; kanjalo iṙele aliyi kudlula elizweni lenu.
Phonononga I‐Levitikusi 26:6
5
I‐Levitikusi 26:9
Ngokuba ndiya kubeka kuni, ndinicumise, ndinandise nokunandisa; nocebano lwam ndiya kulumisa nani.
Phonononga I‐Levitikusi 26:9
6
I‐Levitikusi 26:13
Mna ndi NGUYEHOVA, UTIXO wenu, endinipumisileyo elizweni le‐Jipete, ukuze ningabi ngamakoboka kubo; ndandapule izibonda zeyokwe yenu, ndenza ukuba nihambe ngokupakama.
Phonononga I‐Levitikusi 26:13
7
I‐Levitikusi 26:11
Ndandiya kubeka itabanakele yam pakati kwenu; waye umpefumlo wam ungayi kunidela.
Phonononga I‐Levitikusi 26:11
8
I‐Levitikusi 26:1
ANIYI kuzenzela amadalo, nomfanekiso oqingqiweyo; aniyi kuzipakamisela isifanekiso esimiyo kanjalo; nelitye eliba̔liweyo aniyi kulimisa elizweni lenu, ukuba nitobe pantsi pambi kwalo: ngokuba mna ndi NGUYEHOVA, UTIXO wenu.
Phonononga I‐Levitikusi 26:1
9
I‐Levitikusi 26:10
Naniya kutya okudala, okwomileyo; kanjalo okudala nokukupa ngenxa yokutsha.
Phonononga I‐Levitikusi 26:10
10
I‐Levitikusi 26:8
Isihlanu sakuni sosukela iwaka, nekulu lakuni losukela ishumi lamawaka; ziti intshaba zenu ziwe pambi kwenu ngeṙele.
Phonononga I‐Levitikusi 26:8
11
I‐Levitikusi 26:5
liti ixesha lokubula lifikele ukuvunwa kwedreyive, nokuvunwa kwedreyive kufikele ixesha lokuhlwayela; naniya kudla ukutya kwenu kude kuhlutwe, nihlale ngokunqaba elizweni lenu.
Phonononga I‐Levitikusi 26:5
12
I‐Levitikusi 26:7
Naniya kusukela intshaba zenu, eziya kuwa pambi kwenu ngeṙele.
Phonononga I‐Levitikusi 26:7
13
I‐Levitikusi 26:2
Isabata zam niya kuzigcina, nendawo yam engcwele niya kuyihlonela: ndi NGUYEHOVA mna.
Phonononga I‐Levitikusi 26:2
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo