1
U‐Yoshuwa 1:9
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Andikuyalelanga na? Yomelela ukalipe; ungankwantyi, ungatuswa nokutuswa: ngokuba UYEHOVA, UTIXO wako, enawe, apo usukuba usiya kona.
Thelekisa
Phonononga U‐Yoshuwa 1:9
2
U‐Yoshuwa 1:8
Incwadi yalomteto ayiyi kumka emlonyeni wako; kodwa uya kucinga yona emini nasebusuku, ukuze ulumkele ukwenza njengako konke okuba̔liweyo kuyo: ngokuba oko uya kutamsanqelekisa indlela yako, naloko uya kulungiseka.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:8
3
U‐Yoshuwa 1:7
Kodwa yomelela ukalipe kakulu, ukuba ulumkele ukwenza njengawo wonke umteto ubuyalelwa ngawo ngu‐Mosesi, isicaka sam: ungapambuki kuwo nangasekunene nangasekohlo, ukuze ulungiseke apo usukuba usiya kona.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:7
4
U‐Yoshuwa 1:5
Akuko mntu oya kuba nokuma pambi kwako yonke imihla yokudla kwako ubomi: njengokuba bendiko no‐Mosesi, ndiya kubako kwa nawe; andiyi kukuyeka, andiyi kukushiya kanjalo.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:5
5
U‐Yoshuwa 1:6
Yomelela ukalipe: ngokuba wena uya kubamkelisa ababantu ilifa lelizwe, elo ndafunga ngalo koyise babo ukuba ndiya kubapa lona.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:6
6
U‐Yoshuwa 1:3
Zonke indawo uya kunyatela pezu kwazo umzantsi wonyawo lwenu, sendinipile zona, njengokuba ndabendisitsho ku‐Mosesi.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:3
7
U‐Yoshuwa 1:2
u‐Mosesi isicaka sam ufile; uze usuke kaloku, uwele i‐Yoredane le, wena, nababantu bonke, ukuya elizweni endilinika kubo, kulo usapo luka‐Sirayeli.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:2
8
U‐Yoshuwa 1:1
KWAYE kute emveni kwokufa kuka‐Mosesi, isicaka SIKAYEHOVA, wandula wateta UYEHOVA ku‐Yoshuwa unyana ka‐Nune, umkonzi ka‐Mosesi, esiti
Phonononga U‐Yoshuwa 1:1
9
U‐Yoshuwa 1:4
Kwa sentlango nale‐Lebanone, nakude kube semlanjeni omkulu, emlanjeni ongum‐Ferate, lonke ilizwe lama‐Hete, nakude kube selwandle olukulu ngasekutshoneni kwelanga, woba ngumda wenu.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:4
10
U‐Yoshuwa 1:18
Umntu osukuba evukela ngakumlomo wako, ongayi kupulapula amazwi ako kuko konke umyalela ngako, makafiswe: kodwa yomelela ukalipe.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:18
11
U‐Yoshuwa 1:11
Candani pakati kwomnquba, nibayalele abantu, ngokuti: Zilungiseleni umpako; ngokuba pakati kwemihla isemitatu niya kuwela i‐Yoredane le, ukuya kufuya elozwe enilipiwayo NGUYEHOVA, UTIXO wenu, ukuba nilifuye.
Phonononga U‐Yoshuwa 1:11
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo