1
U‐Yisaya 54:17
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Akuko nanye impahla edaliwe ngakuwe eya kutamsanqeleka; nazo zonke ilwimi ezivuka ngakuwe ekugwebeni uya kuzigweba. Oku kulilifa lezicaka ZIKAYEHOVA; nobulungisa bazo buvela kum, utsho UYEHOVA.
Thelekisa
Phonononga U‐Yisaya 54:17
2
U‐Yisaya 54:10
Ngokuba intaba ziya kumka, nenduli ziya kushukunyiswa; kanti ububele bam abuyi kumka kuwe, nocebano lwoxolo lwam aluyi kushukunyiswa, utsho UYEHOVA okupatayo ngetaṙu.
Phonononga U‐Yisaya 54:10
3
U‐Yisaya 54:4
Ungoyiki, ngokuba ungayi kudaniswa! ungamatiswa kanjako, ngokuba ungayi kuviswa ihlazo: ngokuba udano lwobutsha bako uya kululibala, nehlazo lobuhlolokazi bako akusayi kuba salikumbula.
Phonononga U‐Yisaya 54:4
4
U‐Yisaya 54:5
Ngokuba umenzi wako eyindoda yako; NGUYEHOVA wemikosi igama lake: nomkululi wako ungoyingcwele ka‐Sirayeli; uya kubizwa ngokuti NGUTIXO wawo wonke umhlaba.
Phonononga U‐Yisaya 54:5
5
U‐Yisaya 54:2
Yenza banzi indawo yentente yako, nezikuselo zentlalo zako mabazitwabulule; ungaxaki; yolula intambo zako, nezibonda zako uziqinise.
Phonononga U‐Yisaya 54:2
6
U‐Yisaya 54:13
Kanjalo bonke abantwana bako bofundiswa NGUYEHOVA; lwoba lukulu ke uxolo lwabantwana bako.
Phonononga U‐Yisaya 54:13
7
U‐Yisaya 54:8
Ngenkukulo yomsindo ndabufihlela ixanyana ubuso bam kuwe; kodwa ngobubele obungunapakade ndoba netaṙu ngakuwe, utsho umkululi wako, UYEHOVA.
Phonononga U‐Yisaya 54:8
8
U‐Yisaya 54:7
Ngexanyana elincinane ndikushiyile; kodwa ngezibele ezikulu ndokubuta.
Phonononga U‐Yisaya 54:7
9
U‐Yisaya 54:9
Ngokuba oku kunjengamanzi ka‐Nowa kum: njengokuba bendifunga ukuba amanzi ka‐Nowa akayi kubuya agqitele pezu kwomhlaba, kwa njalo ndifungile ukuba andiyi kuba namsindo ngakuwe, nokuba andiyi kukutetisa.
Phonononga U‐Yisaya 54:9
10
U‐Yisaya 54:12
Ndandiya kwenza ifenstile zako ngerubi, namasango ako ngamatye abengezelayo, nayo yonke imida yako ngamatye anqabileyo.
Phonononga U‐Yisaya 54:12
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo