1
U‐Yisaya 53:5
Incwadi Yeziba̔lo Ezingcwele 1864, 1902 (Xhosa Appleyard)
Kodwa sasihlatywa ngenxa yezigqito zetu, sasityunyuzwa ngenxa yezikohlakalo zetu: ukwohlwayelwa uxolo lwetu bekupezu kwaso; nangemivimbo yaso sinokupiliswa.
Thelekisa
Phonononga U‐Yisaya 53:5
2
U‐Yisaya 53:6
Tina sonke, njengegusha, silahlekile; abanye ngabanye sijikele kwezetu indlela; kodwa UYEHOVA uhlisile pezu kwaso ukukohlakala kwetu sonke.
Phonononga U‐Yisaya 53:6
3
U‐Yisaya 53:4
Noko ke, zintlungu zetu sazifunqulayo, nentsizi zetu sazitwala; kanti tina sasibala ukuba sibetiwe, sibulewe NGUTIXO, sibandezelwe nguye.
Phonononga U‐Yisaya 53:4
4
U‐Yisaya 53:3
Sibe sidelwa salahlwa ngabantu, indoda yentsizi, nowazana nobuhlungu, kwada kwafihlwa ubuso kuso; sibe sidelwa, sati tina asasibuka.
Phonononga U‐Yisaya 53:3
5
U‐Yisaya 53:7
Saxinwa, sabandezelwa, koko singavulanga umlomo waso; sar̔olwa njengemvana isiya ekuxe̔lweni, nanjengokuba igusha ebusweni babaguguli bayo isidenge, kwa njalo asivulanga umlomo waso.
Phonononga U‐Yisaya 53:7
6
U‐Yisaya 53:10
Kodwa UYEHOVA ebetanda ukusityumza; wasivisa ubuhlungu. Nxa siya kuzenza idini letyala, siya kubona inzalo, siya kwolula imihla, nentando KAYEHOVA iya kulungiseka esandleni saso.
Phonononga U‐Yisaya 53:10
7
U‐Yisaya 53:2
Ngokuba sibe sikula ebusweni babo njengesihlumelo, nanjengengcambo ipuma emhlabeni owomileyo: sasingenasimilo nasoya, ukuba sisigqale; kwa nokubonakala, ukuba sisinqwenele.
Phonononga U‐Yisaya 53:2
8
U‐Yisaya 53:12
Ngoko, ndiya kusahlulela isahlulo pakati kwabakulu; sasiya kwahlulelana nabanamandla amaxoba; ngenxa yokuba satululela ekufeni umpefumlo waso, sabalwa nabagqiti, nesono sabaninzi sasitwala, nabagqiti sabatandazela.
Phonononga U‐Yisaya 53:12
9
U‐Yisaya 53:11
Emva kwosizi lwompefumlo waso, soyibona, sokoliswa: ngokwaziwa kwaso, isicaka sam esilungileyo sogwebela abaninzi; ngokuba izikohlakalo zabo siya kuzitwala.
Phonononga U‐Yisaya 53:11
10
U‐Yisaya 53:8
Kwa sentolongweni nasekugwebeni sasisuswa; nesizukulwana saso ngubanina oya kusixela? ngokuba sibe sinqunyulwa emhlabeni wabahleliyo; ngenxa yokugqita kwabantu bam sasibetwa.
Phonononga U‐Yisaya 53:8
11
U‐Yisaya 53:9
Kwamiselwa incw̔aba laso nabakohlakeleyo, koko sabesinesityebi ekufeni kwaso; ngokokuba besingenzanga ubudlwengu, nokuba bekungeko inkohliso emlonyeni waso.
Phonononga U‐Yisaya 53:9
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo