1
EKAYAKOBI 4:7
IBHAYIBHILE
Ngoko ke zinikeleni ngokupheleleyo kuThixo. Mchaseni uSathana azokunibaleka.
Thelekisa
Phonononga EKAYAKOBI 4:7
2
EKAYAKOBI 4:8
Sondelani kuThixo naye azokusondela kuni. Hlambani izandla zenu, nina bonindini! Nizenze nyulu iintliziyo zenu, nina bahanahanisi!
Phonononga EKAYAKOBI 4:8
3
EKAYAKOBI 4:10
Ukuba niyazithoba kuye uThixo, uya kuniphakamisa.
Phonononga EKAYAKOBI 4:10
4
EKAYAKOBI 4:6
Kodwa ke sona isisa asinika sona uThixo singaphezulu. Zitsho neziBhalo ukuthi: “UThixo uyabachasa abanekratshi, kodwa unesisa kwabathobekileyo.”
Phonononga EKAYAKOBI 4:6
5
EKAYAKOBI 4:17
Phofu ke yena umntu ongayenziyo imfanelo yakhe nakuba eyazi, unetyala.
Phonononga EKAYAKOBI 4:17
6
EKAYAKOBI 4:3
Noba sowude wathandaza ucela, awuzuzi, kuba kaloku iinjongo zakho zimbi, ufuna nje ukufezekisa iinkanuko zakho.
Phonononga EKAYAKOBI 4:3
7
EKAYAKOBI 4:4
Bantundini abangathembekanga, anazi kakade ukuba ngokuhlobana neli hlabathi nizenza iintshaba zikaThixo? Ewe, nabani na okhetha ukuvana neli hlabathi ulutshaba lukaThixo.
Phonononga EKAYAKOBI 4:4
8
EKAYAKOBI 4:14
Nithetha nje ningayazi into eniza kuba yiyo ngomso. Nifana nje nomfa-nkungu othi uvele umzuzwana nje uphinde uphele.
Phonononga EKAYAKOBI 4:14
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo