1
EKAYAKOBI 3:17
IBHAYIBHILE
Kodwa ke bona ubulumko obuvela phezulu bumsulwa; bunolungelelwano, nobubele, buyazelelela. Bona bunovelwano, yaye buvelisa imisebenzi emihle; abunamkhethe naluhanahaniso.
Thelekisa
Phonononga EKAYAKOBI 3:17
2
EKAYAKOBI 3:13
Ukuba bakho abantu abalumkileyo nabaqondayo phakathi kwenu, loo nto mabayibonakalise ngobomi obumsulwa, nangezenzo zentobeko nobulumko.
Phonononga EKAYAKOBI 3:13
3
EKAYAKOBI 3:18
Ke bona abahlwayeli boxolo abaseluxolweni bavuna ubulungisa.
Phonononga EKAYAKOBI 3:18
4
EKAYAKOBI 3:16
Ke apho kukho umona nokuzigwagwisa kuba nguqulukubhode nazo zonke iintlobo zeentlondi.
Phonononga EKAYAKOBI 3:16
5
EKAYAKOBI 3:9-10
Sisebenzisa lona xa sibonga sibulela iNkosi uTata wethu, ukanti sibaqalekisa kwangalo nabantu abadalwe bafuza uThixo. Imibulelo neziqalekiso zimpompoza mlonyeni mnye. Mawethu, mayingenzeki le nto!
Phonononga EKAYAKOBI 3:9-10
6
EKAYAKOBI 3:6
Nalo ke ulwimi lufana nqwa nomlilo; lululwandle lobubi. Lulelinye lamalungu omzimba wethu nje luphembelela ububi kubume bethu buphela. Ubomi bethu buphela libuntumeka ngomlilo eliwuthatha esihogweni.
Phonononga EKAYAKOBI 3:6
7
EKAYAKOBI 3:8
Kodwa akukho mntu ukwaziyo ukululawula ulwimi. Luyinkathazo engalawulekiyo, futhi luyityhefu.
Phonononga EKAYAKOBI 3:8
8
EKAYAKOBI 3:1
Mawethu, musani ukugagamela nifune ukufundisa nonke. Kaloku niyazi ukuba thina sifundisayo siya kugwetywa ngqongqo kunabanye.
Phonononga EKAYAKOBI 3:1
Ekuqaleni
IBhayibhile
Izicwangciso
Iividiyo