1
2 YEZIGANEKO 20:15
IBHAYIBHILE
Wathi: “Phulaphulani, kumkani uYoshafati nani bemi bakwaJuda naseJerusalem. UNdikhoyo uthi kuni: ‘Sanukoyika; ze ningatyhafi ngenxa yale nyambalala yomkhosi. Kaloku imfazwe le asiyoyenu, yekaThixo.
Thelekisa
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:15
2
2 YEZIGANEKO 20:17
Asinini abaya kulilwa eli dabi. Yimani ngeendawo zenu, niqingqe nje, nibukele uNdikhoyo enihlangula, ndlundini kaJuda nani bemi baseJerusalem. Ze ningoyiki okanye nityhafe. Ngomso phumani nijongane nabo, uNdikhoyo uya kuba nani.’ ”
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:17
3
2 YEZIGANEKO 20:12
Thixo wethu, khawubohlwaye. Thina ngokunokwethu asinawo amandla okujongana nale nyambalala yomkhosi osihlaselayo. Ewe, asazi nemasikwenze, koko amehlo ethu akhangele kuwe.”
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:12
4
2 YEZIGANEKO 20:21
Akuba ethetha-thethene nabantu uYoshafati wamisela iimvumi zokuculela uNdikhoyo, ukuze zimbonge ngenxa yobunewu-newu bobungcwele bakhe. Zawukhokela ke umkhosi lowo, zimemelela zisithi: “Bulelani kuNdikhoyo, kuba izibele zakhe zimi ngonaphakade.”
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:21
5
2 YEZIGANEKO 20:22
Bathe bakucula bedumisa, suka uNdikhoyo wawurhwaqelisa umkhosi wama-Amon namaMowabhi, nâbo bentaba iSeyire ababehlasela uJuda; kubo yaba ngathi bangqingiwe, baza ke boyiswa.
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:22
6
2 YEZIGANEKO 20:3
UYoshafati ke wothuka, wazimisela ukufuna uncedo *kuNdikhoyo, wamisela inzila kuJuda ewonke.
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:3
7
2 YEZIGANEKO 20:9
‘Sothi sakufikelwa sisithwakumbe, noba sisibetho sekrele, ubhubhani, noba yindlala, thina sime phambi kwakho kule ndlu ibizwa ngegama lakho, sikhale kuwe embandezelweni yethu, ke wena usiphulaphule usihlangule.’
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:9
8
2 YEZIGANEKO 20:16
Ngomso phumani niye kubo. Ke bona boba beqabela kwinkalo yaseZizi; nina nobafumana ekupheleni kwengxingwa kwintlango kaJeruweli.
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:16
9
2 YEZIGANEKO 20:4
AbakwaJuda ke baqokelelana ukuza kufuna uncedo kuNdikhoyo; ewe, beza bephuma kuzo zonke iidolophu zakwaJuda befuna uNdikhoyo.
Phonononga 2 YEZIGANEKO 20:4
Home
Bible
Plans
Videos